Bashiyeke bekhomba kwindawo ebezinamatyotyombe ebebewabiza njengamakhaya wabo abahlali baseEast Bank Squatter Camp abatshelwe zizindlu.
Image: Abongile Ginya/I'solezwe lesiXhosa
Kuqengqeleka iintsuku abahlali bamatyotyombe aseEast Bank Squatter Camp, nawaziwa ngokuba kuseC2, belala phandle nabantwana babo bengasayi nasesikolweni.
Oku kuza emva komlilo wangoMgqibelo, umhla weshumi elinesixhenxe (17), ekuzeni kusa olwatyuze watshisa amatyotyombe aqikelelwa ngapha kwamashumi asibhozo (80) oqhambuke kwelinye ityotyombe lomfana obelayite ikhandlela ngokokutsho kwabahlali.
Amaxhoba athi ayayibona eyokulala phandle kwaneyokunxiba impahla enye, eyona iphambili zizisu zabo ezithe nca kukulamba. "Silambe apha esiswini, kutshe noko kutya akukho nto ingatshanga, nabantwana bethu batshelwe yimpahla yesikolo. Sashiywa eOrient Theatre zange kuphinde kubekho mntu uzosikroba – samkiswa yindlala," utshilo umhlali owaziwa njengoMam'Sukwini.
Oshiyeke engenalo ikhaya ukhomba indawo ebinetyotyombe lakowabo elitshe laphale ngumlilo.
Image: Abongile Ginya/I'solezwe lesiXhosa
Omnye wamaxhoba, uMlungisi Sakwe, nosalala phandle kuba engenayo indawo yokulala, uthi uphelele kwezo ebezinxibile iimpahla, ukwazile ukusindisa isazisi (ID) nezatifikethi – zona iimpahla zendlu ebengenakubasenza nto kuba umlilo ubungasalawuleki.
"Ndimoshakalelwe yinto yonke endiyizame nzima kuba andiphangeli sigxina. Njengangoku asizukwazi ukuzivusela la magali kuba akukho apho sithatha khona. Sizibona singakhathalelwanga nguRhulumente esimvotelayo kuba kwenziwa izithembiso ngomlomo kodwa akude kubekho zintshukumo," utshilo uSakwe.
Omnye umhlali, uSimzuzile Hoko, uthe: "Lusizi into yethu, asinandawo yokulala, abanye bethu balala apha phandle. Abanye bancedwa ngabamelwane abasindileyo. Sicela ukubonelelwa, kudala sisaziwa ukuba sihlala apha. Asinazo nezindlu zangasese, sizithuma ehlathini. Nale ndawo sikuyo sesiyithandiswa kuba kulula sisedolophini."
Amaxhoba ame kwiziza ebezibiza njengamakhaya wabo atshe aphela kumlilo wangoMgqibelo.
Image: Abongile Ginya/I'solezwe lesiXhosa
Umhlali ofike ngo1990 kule ndawo, uXolisile Lungaphi, uthi apha sele kufana nekhaya kubo kuba abaninzi bazalelwe kuyo. "Asiphangeli, akukho apho sithatha khona, le ndawo siyithanda kuba isenzela lula ubomi kuba sivuka siyokufola siphinde sibuyele ezidlini zethu singakhange sisebenzise mali."
Abahlali bathi kudala bathenjiswa ngokukhutshwa bakhelwe izindlu nanjengoko ibilityeli lesithathu elokubhaliswa kwabo ngo2024 bebhalisela izindlu. Le ndawo bakuyo ngumhlaba weYunivesithi yaseFort Hare kuWadi 47.
UMasipala oMbaxa iBuffalo City (BCMM) ilithumele igqiza elikhokelwa nguCeba uAmanda Mnyume eliyokujonga umonakalo kule ndawo. Lo Masipala ukwabulela igalelo nenkxaso yeGift of the Givers ebiyokunceda amaxhoba. I-BCMM ithi iyakuhlala izibophelela isima namaxhoba kwiindawo zokuhlala ezisengxakini.