Iindaba

Usapho lukatat’ uMhaga oneenyanga elahlekile lukholelwa ukuba akuyompazamo

Abongile Ginya|Published

Utata uMandisi Mhaga (69) wakuMendu kuGatyane nowaduka kweyeNkanga ka2025 akakabonakali.

Image: SAPS

Usapho lukaMandisi Mhaga (69), nosele iyinyanga yesibini le engaziwa nokuba wayokutshona phi, luthi ukukhangelwa kwakhe liqela leenkonzo zohlangulo lungabeka ubomi bakhe engozoni ngoba lukholelwa ukuba uhleli nezinyanya zakhe apho akhoyo nanjengoko engumntu onobizo lobugqirha.

Lo tata wakuMendu, eSingeni kwidolophu yakuGatyane, wagqityelwa ukubonwa ngomhla we13 kwinyanga yeNkanga wonyaka ophelileyo u2025, ze wachazwa njengolahlekileyo emaPoliseni ngomhla we17.

Isithethi samaPolisa, uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, uthi ngokwengxelo yengqina, into ekhunjulwayo awayeyinxibile yibhulukhwe eluhlaza, emntla alisakhumbuli ukuba wayenxibe impahla enjani.

UMawisa uthi icandelo leenkonzo zohlangulo labikelwa ngale nyewe. Nangona igqiza elaligqogqa leenkonzo zohlangulo laxelelwa lusapho ukuba maluyeke ukukhangela nanjengoko likholelwa ukuba uMandisi uhleli nezinyanya zakhe nanjengoko engumntu onobizo. 

UMawisa uthi usapho luqhube lwathi ugqogqo lungaphazamisana nezinyanya futhi lubeke ubomi buka tata ebungozini.

Onokubona utat’ Mhaga uyabongozwa ukuba atsalele uDetective Sergeant Majebe ku082 441 8301 okanye iCrime Stop ku08600 10111.