Iseziseleni indoda etshise yabulala umfundi eDutywa.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Uza kubuyela kwakhona phambi koMantyi kwinyanga ezayo uVusumzi Nqarhuni (32) ojongene netyala lokutshisa abulale intwazana (14) yakuTimame eDutywa.
UNqarhuni uvele ngoLwesithathu kule veki ezinkundleni zaseDutywa akafumana bheyile.
Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa, uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi ixhoba (14) laduka ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kwinyanga ephelileyo likowalo kuMbande, lakungabonakali umama walo wayokuvula ityala.
UMawisa uthi emva kophando lingabonakali ixhoba, abahlali baye babikela amaPolisa ngendlu etshisiweyo engahlali mntu elalini besithi kukho namathambo arhaneleka ngathi ngawomntu.
Kuphando olwaye laqhutywa malunga nokufunyanwa kwala mathambo kwaye kwathathwa uVusumzi wayokuncwinwa ngemibuzo kwisikhululo, mibuzo leyo yaye yamnamathela wabekwa ityala lokubulala wavalelwa.
UVusumzi Nqarhuni uza kuvela ngomhla wesithandathu kweyoKwindla. Ungaphakathi eziseleni. Uphando lusaqhuba ngokokutsho kukaMawisa.