Iindaba

Imincili kootitshala nakubazali bomfundi wakuNgolo Primary School

Abongile Ginya|Published

Phakathi onxibe impahla ebomvu nguIvile Jam-jam umfundi wokuqala kwesi sikolo ukuyokubangumfundi kwiskolo sikaOprah Winfrey

Image: UTHUNYELWE

Umfundi obenenyhweba yoyokufunda kwisikolo sikaOprah Winfrey eGoli uIsivile Jam-Jam (12)

Image: favebook

 

UMziwoxolo Jam-Jam welali yakuNgolo, eMthatha, ongutata wentwzana egama lingu-Isivile (12) obenenyweba yoyokufunda kwisikolo setshantliziyo laseMelika, iOprah Winfrey Leadership Academy for the Girls (OWLGA), eseGoli, uthi ngenene umntana wakhe ulandele igama abampha lona nanjengoko ibavile nkosi.

U-Isivile, nobesenza uGrade7 kuNgolo Primary, uhambile ngempela veki esiya eGoli eOWLGA apho aza kuqala uGrade8 wakhe kule veki. Ngokokutsho kweSebe lezeMfundo Mpuma Koloni, u-Isivile ebeyinxalenye yenkqubo engokhuliso lwezakhono zolawulo ebiqhutywa nguTitshalakazi wakhe uNontembeko Matshakeni-Nyamende kuNgolo Primary.

UTata kaIsivile ethetha neli phephandana uthe izicwangciso zezabo kodwa izigqibo ibazezikaThixo nanjengoo esithi olu utshintsho lumangalisayo khange balulindela. "Siyabulela kuba yonke into ayilocebo lamntu ibalelikaThixo.

"Kona sinalo uvalo lokuba umntwana wethu esohlukana nathi eselula kakhulu ngokweminyaka kodwa konke sikuphose kuThixo. Esi sisiphiwo sakhe umntwana ekugqibeleni asinakumbamba. Kona ungumntu ozimiseleyo asothukanga nangona khange silindele okwenzekileyo," utshilo uJam-jam.

Uthi bayamkhulula umntwana kuba uzokuphucula yena, aphucule bona kwaye aphucule nempuma Koloni. UTitshalakazi uMatshakeni Nyamende obenemincili ngethuba encokola neSolezwe uthi iklasi ka2025 ibeyenye nje enomahluko.

Uthi nakwindawo yakuNgolo kuza kubanomohluko watsho esithi u-Isivile akazukuphucula yena yedwa nesikolo siza kuba sematheni njengoko sele sisematheni eO.R. Tambo eNyandeni nakwiPhondo liphela.

"Siyazidla ngoIsivile ngowethu kuba uqale kwaGradeRapha esikolweni sazomkhupha kwaGrade7. Sikwazidla nangokuba ngumntwana wethu lo wokuqala ukufumana inyhweba elolu hlobo. Ngale nqkubo injongo zethu sifuna bafike bagqame kwiiHigh School abaza kuya kuzo abantwana bethu benezakhono zobunkokheli," utshilo uMatshakeni-Nyamende.

Inqununu yesikolo uSikhona Mbalo ukholelwa ukuba le nqkubo ilungele kanye ingqondo yabantu abatsha. "Le nqkubo siyenzela ukukhlisa izakhono kwanetalente yabafundi beselula ngokweminyaka.

"Oku kukuqinisekisa ilizwe lethu lizakuba sezandleni ezikhuselekileyo kwaye nokuqhubeka kwalo kukhuthaza ukuzibophelela kuluntu olusebenzayo", uthilo uMbalo. Lenkqubo kwesi sikolo iqale ngo2023. Lo Titshalakazi uthi akasebenzanga yedwa watsho ebulela intsebenziswano kwisikolo sonke.