EKUQALENI: UMlawuli kwezoNxibelelwano kuRhulumente uKhuselwa Rantjie, uMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade kwakunye neNtloko yeSebe lezeMfundo ephondweni uSharon Maasdorp.
Image: ABONGILE GINYA / I'SOLEZWE LESIXHOSA
UMphathiswa weMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uyigxeka kabukhali naye eyokwehla kwezinga lokupaswa kwezifundo zeelwimi lesiXhosa kwakunye nesiNgesi. Uthi iphondo lingabonelelwa kwezinye izifundo kodwa hayi kwiilwimi, ingakumbi isiXhosa.
Inthetha kaGade iza emva kokuba iziphumo ebezipapashwe ngoMvulo kule veki ziveze ukuba ulwimi lesiXhosa lehle ngomyinge ka0.2% isuka ku99.9% ngoku iku99.7%. Ulwimi lesiNgesi lehle laya kutsho ku94.2% lisuka ku94.8%.
UGade uthe: “Oku kwenzekileyo akusoze kwamkeleke nanini. Singama-Afrika. Asoze side sibonelelwe nguRhulumente nakwizifundo ezi zethu, ezi zolwimi lwethu. Le yingxaki enkulu ekuza kufuneka ndiyihlalele phantsi neNtloko yeSebe ngokukhawulezileyo.”
UGade uqhube wathi uhlobo ekubhalwa ngalo kumakhasi onxibelelweno afana noWhatsApp kwakunye noFacebook anefuthe elibi kwindlela ababhala ngayo abantwana. Uthi le ndlela yokungahoyi kwenziwa ngayo kumosha indlela abantwana ababhala ngayo naxa sele bebhala iimviwo zabo.
UGade uthembise ngelithi baza kudibanisa iintloko ngokukhawuleza nesigqeba esiphezulu sesebe lakhe ukuze oku kungaphindeki kwixesha elizayo.