UNgazibini Ntungwa wesikolo Isikhoba Nombewu Technical School ophakathathi kwabashumi amane abagqwese kuMzantsi Afrika wonke.
Image: Simon Majadibodu/IOL
Kubafundi abangamashumi amane (40) abaphume emagqabini bemela amaphondo wabo abaphuma kuwo eMzantsi Afrika, kukho noNgazibini Ntungwa wesikolo Isikhoba Nombewu Technical School eCofimvaba eMpuma Koloni.
UNtungwa uthi khange akulindele ukubizwa nelakhe igama kuluhlu lwabo bagqwesileyo.
Nangona waphulukana notata wakhe eselula kakhulu ngokweminyaka ekhuliswa ngumzali omnye umama wakhe, oko kumkhuthaze ukuba imfundo yinto ezakuthi ize notshintsho kwimeko yekhaya lakhe.
"Khange ndilindele ukuba kwiTop 40 kuba bendifumene ubunzima kakhulu xa bendibhala iimviwo. Bendigula ngethuba ndibhala ... ndinovuyo ndikwazile ukulwa kulo mingeni ukuze ndibe lapha,” utshilo uNtungwa.
Le ntwazana ithi inkxaso uyifumene kootitshala, usapho nakuluntu lokuhlala.
“Ootitshala bam bebenethemba ngakum. Baye bandikhuthaza xa nam bendizithandabuza ndiziva ndityhafile. Umama wam udlale eyona ndima inkulu,” utshilo uNtungwa.
“Umama wam oko ethandaza ukuqala kwam ukubhala. Nosapho lonke lwasekhaya noluntu belulindele lukhulu kum.”
Le ntwazana ithi inethemba lokwenza izifundo zeCivil Engineering kwiYunivesithi yaseGoli (UJ).
Nangona aba bafundi bexelelwe ukuba baphumelele emagqabini, abaxelelwanga ukuba bapase njani ngokwamanani.
Aba bafundi (40) bebenendibano noMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke uSiviwe Gwarube eGoli kusasa ngoMvulo.