Iindaba

Utata ubanjiwe emva kokuxhoma ngentambo unyana (14) wakhe obe ikhadi lebhanki

Abongile Ginya|Published

Uvela enkundleni utata (62) obethe wabulala unyana wakhe wamxhoba eNgojini eNgqeleleni.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Kulindeleke ukuba avele phambi koMantyi eNgqeleni kusasa namhlanje ngezityholo zokubulala utata (62) obethe wabulala unyana wakhe oneminyaka elishumi elinesine (14).

Esi sihelegu senzeke kwaNgojini eNgqeleni ngobusuku bangoMvulo umhla wesihlanu, umntwana yena wabhaqwa ekuseni izolo, ngoLwesibini.

Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa, uCaptain Welile Matyolo, ithi unyana ube ikhadi likatata wakhe wayokuzithengela ngalo izinto ezimnandi kwivenkile ekufutshane.

UMatyolo uthi lo tata uxhome unyana wakhe embophelele ngentambo ephatha kumnkula ngemvubu nangentonga.

Ingxelo iqhuba ithi umshiye embophelele ubusuku bonke ekwezontlungu, noye wafunyanwa ngezithuba zentsimbi yesine ekuseni izolo, uLwesibini, sele ebhubhile esajinga kwintambo leyo ebeshiywe kuyo nguyise.

UMajor General Norman Modishana, onguMkomishinala wesithili saseOR Tambo, usigxeke kabukhali esi senzo senziwe ngulo mzali. UModishana ubongoza abazali ukuba babe nobudlelwane nabantwana babo ukunqanda iziganeko ezibumila kunje.