Umpu ofunyenwe kubarhanelwa ababini eSlovo Park eMthatha.
Image: SAPS
AmaPolisa aseOR Tambo ancome intsebenziswano yabahlali ekhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababini, owasetyhini (19) kwakunye nendoda (34) abafunyenwe benemipu engenazo iimpepha.
Esi sibini sibanjwe ngoLwesibini kule veki emini eSlovo Park eMthatha kubarhanelwa abane.
Ingxelo ephuma kwisithethi samaPolisa, uCaptain Welile Matyolo, ithi amalungu eMthatha Crime Prevention afumene ingxelo ngemoto embala ogreyi yohlobo lweToyota Corolla eyuruza eSlovo Park nelayishe imipu erhanelekayo.
Abarhanelwa bebonke bebebane, ababini babaleka kwaye abakabanjwa ngokokutsho kwengxelo yamaPolisa.
UMatyolo uthi kwintwazana kufunyenwe umpu wohlobo lwe9mm Taurus pistol oneembumbulu ngaphakathi kwaye ngumpu owachazwa njengolahlekileyo nowasetyenziswa ngethuba kuxhwilwa imoto eCarltonville kweyeDwarha ka2018.
Umrhanelwa wesibini ufunyenwe enompu wohlobo lwe9mm Norincho pistol, nongazange uchazwe njengobiweyo, kodwa uvela ukuba ngowendoda (61) yelokishi yaseMsobomvu eGcuwa.
Le mipu ithathiwe kwaye izoyokwenziwa uhlolo malunga neziganeko zolwaphulomthetho.
Isibini sabarhanelwa ababanjiweyo kulindeleke ukuba sivele phambi koMantyi waseMthatha ngoLwesine kule veki.
UGeneral Modishana uwuncomile umsebenzi owenziwe ngabahlali baseSlovo Park, ekwabongoza ukuba uluntu luhlale lusenza njalo lusebenzisana namaPolisa.