Bakhululwe kwaye baza kubuyela ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kwinyanga ezayo uLuxolo Sodawe, Mfezeko Sodawe kwakunye noLutho Pamali.
Image: Johnnie Isaac
Abezopolitiko bavakalise ukungoneliseki kwityala lokuhlaselwa konogoda, uXolisile Nongodlwana, kwindawo yolonwabo eBuhlanti eseMonti.
UNongodlwana wahlaselwa eBuhlanti kwiintsukwana emva kosuku lweKrisimesi ngamadoda amathathu, uLuxolo Sodawe, uMfezeko Sodawe kwakunye noLutho Pamali, nabevele kwinkundla kaMantyi eMonti ngoLwesibini kule veki ngezityholo zokubetha.
Ukunganeliseki kwabezopolitiko kubangwe sisigqibo sabatshutshisi sokungakuchasi ukukhululwa ngebheyile kwesi sithathu sabarhanelwa nabangaphandle ngesilumkiso.
Imibutho iANC, EFF kwakunye neCOSATU bezigcwalise inkundla kaMantyi ngethuba esi sithathu sivela.
Ityala labo limiselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kwinyanga ezayo njengoko kusaqhutywa nophando.
USodolophu woMasipala ombaxa iBuffalo City, uPrincess Faku, uvakalise udano ngokukhululwa kwesi sithathu ngaphandle kwebheyile.
Uthethe wathi: "Amapolisa enza umsebenzi oncomekayo okubamba abaphulimthetho, kodwa siyadanisa isigqibo sabatshutshisi sokungasiphikisi isicelo sebheyile. Ingaba ngumyalezo onjani esiwuthumela eluntwini?"
NoSihlalo we-EFF eMpuma Koloni, uZilindile Vena, naye ukwathe badanile bengulo mbutho ngobuyekeyeke bengalo yomthetho kolu lwaphulomthetho lukhwankqise uMzantsi Afrika, emva kokuba ividiyo engokuhlaselwa kukaNongodlwana ijikeleze kumakhasi onxibelelwano.
Ukanti igqwetha labarhanelwa, uNqaba Nomvethe, uthe eli lityala nje lokubetha eliqhelekileyo, qha ngabantu kumakhasi onxibelelwano abaliphembelelayo.
Ukanti igqwetha, uThabo Mantyi, uvakalise ukuba uza kunceda uNongodlwana mahala ukufaka ibango kwiinkundla zomthetho ngakwesi sithathu sithe samhlasela.