Iindaba

Useziseleni odubule wabulala iPolisa eMatatiele

Abongile Ginya|Published

Uza kuvela enkundleni ngoLwesibini odubule wabulala iPolisa laseMatatiele.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ojongene netyala lokudubula abulale iPolisa, uLwazi Mlobeli (37), nowathi wazisa ngokwakhe emapoliseni, uza kuvela kusasa ngoLwesibini umhla wesithandathu phambi koMantyi waseMatatiele.

UMlobeli ngethuba eyokuzinikela ngokwakhe emapoliseni ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kwinyanga edlulileyo, wayekhatshwe ligqwetha lakhe. Ngosuku olulandelayo wavela phambi koMantyi nongakhange anikwe bheyile.

UMlobeli ungaphakathi eziseleni nalapho aza kube efaka isicelo sebheyile kusasa ngomso.

Ukuzinikela kukaMlobeli ngaphambili, kuza emva kokuba eye wadubula wabulala uSajini Siyabonga Magadla (35) kwilali iHlomendlini, kwaMagadla, eMatatiele.

Ngokwengxelo yesithethi seeHawks, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, ithi uSajini Magadla wayekwikhaya likaMlobeli engaphangelanga ngethuba kuvuka ingxabano phakakathi kwabo.

Amatiletile okuhlangulwa kukaMagadla enziwa ngababekhona nowaye wabhubhela emnyango kwisibhedlele iTaylor Bequest Provincial Hospital.

Ityala livuliwe liyaphandwa nelinikezelwe kubecuphi baseBizana.

Obambeleyo kwiiHawks eMpuma Koloni, uBrigadier Venessa Shantelle Hastings, usikhalimele kabukhali esi sehlo.