Amadoda amabini ngethuba ebetha unogada eBuhlanti eMonti.
Image: Screenshot
Bakhululwe ngesilumkiso abarhanelwa ababini abajongene netyala lokubetha unogada osebenza kwindawo yolonwabo eyaziwa ngokuba kuseBuhlanti eMonti.
Ngokwengxelo kaBrigadier Nobuntu Gantana ithi, esi sibini sabarhanelwa sikhulukwe izolo, umhla wokuqala kweyoMqungu.
UGantana uthi kulindeleke ukuba baphinde bavele phambi koMantyi eMonti ngoLwesithathu kwiveki ezayo nezakube ingumhla wesixhenxe (7).
Ukubanjwa kwabo kuza emva kwevidiyo ethe ndi kumakhasi onxibelelwano apho abarhanelwa bakhaba lo nogada kube ethe mabasuse imoto kwindawo evalela ezinye iimoto.
UGantana uthi uphando lusaqhuba kwaye bakhona nabanye abarhanelwa abanokuthi babanjwe malunga nesi sehlo.