Indoda iphanga ibhinqa ifowuni eBrooklyn, ePitoli.
Image: Abramjee/X
Abantu kumakhasi onxibelelwano baphants' phezulu besebenzisana ukukhangela indoda ebonwe kwividiyo iphanga owasetyhini ifowuni ngethuba engena kwindawo yokutyela iKream eBrooklyn, ePitoli.
Kwividiyo, ibhinqa elinxibe iimpahla ezimhlophe linokubonwa linyuka izinyuko njengoko umhlobo walo emrekhoda.
Le ndoda ingaziwayo ibonakala ihamba emva kwakhe phambi kokuba yoxuthe ifowuni yayo yaze yabaleka yayongena kwimoto yohlobo lweToyota Corolla esilivere enenombolo ngaphambili yaseGauteng ethi iHD 23 TZ GP.
Ividiyo yathunyelwa kuTikTok kwaye yasasazwa kwamanye amakhasi onxibelelwano afana noX, apho abantu bajike baba ngabacuphi basebenzisana ukuze bachonge le ndoda kuthethwa ngayo.
Abantu bakhawuleza bamfanisa noNobert Zapachila, ummi waseZimbabwe ekutyholwa ukuba uhlala eMaboneng eGoli. Imifanekiso ethathiweyo lekhasi likaInstagram lomrhanelwa libonise imifanekiso yakhe enxibe iimpahla ebezinxibile ngethuba kusenzeka esi sehlo sokuphanga ekwiindawo zolonwabo.
Abantu bakwaX baqikelela ukuba umrhanelwa uthathe imali ayenze ngala fowuni ayiphangileyo wayichitha kwindawo yokuqhotsa inyama emva koko.
U-@Solphendukaa ubhale: "Ubeka ubomi bakho emngciphekweni ngokuphanga iifowuni ukuze nje uchithe imali kulonwabo?"
Ixhoba langaphambili liye leza ngaphambili, kuquka elinye elaphangwa eHatfield ngo2023, nowabelane ngevidiyo yeCCTV yomrhanelwa esenza esi senzo solwaphulomthetho.
U-@SMankolwane uthe: "Lo ngulo mfo owaphanga ifowuni yam ngo2023 eHatfield. Ndim owacela la vidiyo yeCCTV. Aba nqevu abaphanga iifowuni abafundi. Kufuneka anqandwe."
Abantu bayabongozwa ukuba batsalele umnxeba iSAPS Crime Stop (08600 10111) nalo naluphi na ulwazi ngomrhanelwa. Ukuza kuthi ga ngoku, akukabanjwa mntu.
AmaPolisa eSithili saseTshwane nesikhululo samaPolisa aseBrooklyn aphanda lo mba.