Iindaba

Ushiyeke eziseleni umama waseNxuba obanjelwe ubuqhophololo

Abongile Ginya|Published

Ubanjelwe ubuqhophololo umama waseNxuba, uza kuvela kunyaka ozayo ushiyeke ngaphakathi eziseleni.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Uvele phambi koMantyi waseNxuba kusasa namhlanje, uLwesihlanu, uNomonde Beauty Christmas (59) ze washiyeka ngaphakathi eziseleni emva kokuba ethe wayalelwa ibheyile nojongene netyala lobuqhophololo.

Ukubanjwa kwalo mama kuza emva kokuba ethe wathatha iipolisi zokungcwaba egameni lezalamane zakhe kwiinkampani ezahlukeneyo zeinshorensi.

Ingxelo ephuma kwisithethi samaPolisa, uCaptain Siphokazi Mawisa, ithi umama lo bekuthi kwakusweleka ezi zihlobo azibhalisileyo ahambe ayokubanga imali kuxhamle yena yedwa.

UMawisa uthi ngokophando olwenziweyo, lo mama ubanjwe izolo, umhla weshumi elinesibhozo kweyoMnga, wagcinwa eziseleni.

NgoLwesihlanu uvele okokuqala akayinikwa ibheyile nguMantyi. Ushiyeke ngaphakathi kuba eza kuphinda avele ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yoMdumba 2026.

UMawisa uthi amaPolisa azimisele ekwaqinisekisa ukuba bonke abo benza ubuqhophololo ngabantu abamsulwa baza kubanjwa kwaye bajongane nengalo yomthetho.

Uqhube wathi ukubanjwa kwalo mama kungumyalezo nakwabo bathatha iipolisi ngabantu abangahlobenanga nabo okubonisa ukuba baza kuphandwa kwaye amaPolisa aqinisekise ukuba umthetho udlala indima yawo.