USongezo Masiso onguMphathi Jikelele kwaMTN eMpuma Koloni.
Image: Uthunyelwe
Ukusuka eWild Coast ukuya kwiindawo zasemaphandleni kooQumbu nakoLibode, iMpuma Koloni iyakhula, kwaye iMTN ikhuthaza inkqubela phambili.
Ngephulo lokuphucula nokwandisa inethiwekhi exabisa ngaphezulu kwezigidi ezingamakhulu amabini anamashumi amabini eerandi (R220 million), iMTN ibonelela ngeenkonzo apho kungekho mntu oshiyeka ngasemva.
Zingaphezulu kwamakhulu amabini anamashumi amahlanu (250) iziseko zenethiwekhi eziye zaphuculwa, kwaye iziseko zophuhliso ezitsha zakhiwe kulo nyaka njengenxalenye yenkqubo yeMTN yokwenza ngcono inethiwekhi, ukuqinisa ukusebenza kwe4G, ukukhawulezisa ukukhutshwa kwe5G nokuzisa inkonzo ekumgangatho wehlabathi kwiindawo ebezikade zihlelelekile.
Inkqubo yophuculo lenethiwekhi sele iguqula ubomi babantu kwiindawo ezisemaphandleni ezingaphezulu kwamashumi alithoba (90). Abantu abebekade bexhomekeke kwinethiwekhi engasebenzi kakuhle ngoku bayafikelela kwi-intanethi ekhawulezayo, nto leyo ebavumela ukuba bakwazi ukufikelela kwimfundo eyenzeka kwi-intanethi, kwiikonzo zempilo kwi-intanethi kunye norhwebo olenzeka kwikhasi lomnatha.
Inyathelo likaMTN noSmartphones4All liqinisekisa ukuba uqhagamshelwano lukhokela ekubandakanyweni kwabantu ngokwenene ukuze iifowuni ezingaxabisi imali eninzi nezisemgangathweni ziyafikeleleka ebantwini abaninzi.
Ngokuvala umsantsa wokungafikeleli kwizixhobo, uMTN unceda uluntu ukuze luvule amathuba apheleleyo eenkonzo zedijithali, ukusuka ekufundeni, kwezempilo ukuya kwiinkonzo zebhanki zomnatha nangaphezulu.
Eli phondo liphantsi koxinzelelo olunzima kwezentlalo noqoqosho eMzantsi Afrika:
Nangona kunjalo, yinkolelo engagungqiyo kaMTN yokuba apho ukungalingani kuvimba abantu amathuba, uqhagamshelwano luqinisa ithemba.
“KuMTN, olu ayilotyalomali nje kwiziseko – lutyalomali ebantwini. Sinika uqhagamshelwano kwabo bangenalo, sivula izakhono kwaye sisebenzisana noluntu ukwakha ingomso elingcono,” utshilo uSongezo Masiso onguMphathi Jikelele kwaMTN eMpuma Koloni.
Kwiilali ebezifudula zingancedwa ezifana nezo zingqonge iLibode, iLusikisiki, iMount Fletcher, iDuncan, nezinye ezininzi, uqhagamshelwano luguqula ubomi bemihla ngemihla. Umzekelo, umfundi waseLusikisiki ngoku ulungiselela izifundo zematriki esebenzisa iMTN Online School, endaweni yokuhamba imida emide ekhangela izixhobo zokufunda. Ziya kuba njalo izinto xa ekugqibeleni iinkonzo lifikelela kwimimandla yasemaphandleni.
iMTN Foundation ixhasa izikolo zeli phondo ngamaziko obuchwephesha, ukufikelela kwizibonelelo zedijithali zemfundo, ngokunjalo nokwenza ukuba izixhobo zifikeleleke kubafundi abahlelelekileyo ngenyathelo labo elithi 'Connecting Every Child'.
Omnye umzekelo wamandla oqhagamshelwano wenzeka kuQumbu, apho utitshala ozinikeleyo ethetha ngendlela amaqonga eSTEM anceda ngayo ekuphuculeni izinga lokupasa izifundo zobunzululwazi kuba i-intanethi ekhawulezayo yenze amaphupha afezeka.
Ukusuka kwiivenkile ezincinci (iziphaza) ezisecaleni kwendlela, ukuya kwiisaluni zasezilokishini, ukubhatala ngokusebenzisa ubuchule bala maxesha sele kuqhelekile. I-MTN MoMo inceda amashishini amancinci ngokunciphisa ulwaphulo-mthetho olunxulumene nemali, yandise izinga lokuthenga iphinde yakhe umzila wezemali onokulandeleka ukuze kufunyanwe inkunzi yemali. Ngaloo ndlela iqinisa ukubandakanyeka kwabantu kwezezimali.
Ngokuyinxalenye nonikezelo lenethiwekhi kaMTN, ngaphezulu kwamakhulu amabini ezigidi zeerandi (R200 million) kumathuba amahlakani asekuhlaleni avula imisebenzi emitsha kwaye akhulisa uqoqosho lasezilokishini. Oku kubonakala kakuhle kwiindawo apho kubaluleke kakhulu, njengomnikazi wevenkile yesiphaza eLibode osebenzisa iMoMo ukuze abhatalise ngokukhuselekileyo nangaphandle kwengxaki.
Utshintsho onokuthi ulubone njengoNangamso Mark Ntlemeza, ongumqondisi wefilosofi yokuxhobisa kaMTN. Ukusuka kwinkonzo yabathengi, uye wakha uthungelwano olubanzi lamashishini neevenkile ezintlanu zakwaMTN kwiMpuma Koloni.
Ekhokelwa yinkqubo yeMTN yeBranded Retail Channel (BRC), ngoku udala imisebenzi eqeqesha abantu abasakhulayo futhi ebonisa oosomashishini bexesha elizayo okunokwenzeka. Uhambo lwakhe bubungqina bokuba xa abantu bexhotyiswa, uluntu luyaphumelela.
Ukonakaliswa kweziseko nobusela bubeka emngciphekweni uqhagamshelwano olubalulekileyo, ingakumbi kwimimandla yasemaphandleni. UMTN uchitha phakathi kwamakhulu amane ezigidi zeerandi (R400 million) ukuya kumakhulu amane anamashumi amahlanu ezigidi zeerandi (R450 million) nyaka ngamnye kwilizwe lonke ukulungisa umonakalo, i25% yezi ndleko zizonke ichithwa eMpuma Koloni.
Ukusabela, uMTN usebenzisana namapolisa namaqela okhuselo ekuhlaleni (community forums) ukuze kukhuselwe iziseko ezingundoqo nokugcina ukuba uluntu lufumana inethiwekhi, kuquka nokujikeleza kwiindawo ekuhlalwa kuzo nezixhobo zokuncedisana nalo msebenzi, ubugcisa beenombolo zobhaliso zezithuthi kwakunye nenkxaso yoqhagamshelwano kumaziko amapolisa. Xa inethiwekhi isebenza, imfundo iyaqhubeka, urhwebo lamashishini neentsapho zihlala zikhuselekile.
Isicwangciso sikaMTN esibizwa ngokuba yi-Ambition 2025 siqhubela phambili uMzantsi Afrika apho ukubandakanywa kwabantu kwidijithali kusisiseko sokungena kwezoqoqosho ngendlela engashiyi bantu ngasemva.
Umzi waseMTN uqinisekisa inethiwekhi enamandla eMpuma Koloni. Kuba xa uluntu luphuculwa, uMzantsi Afrika uyaphucuka.