Iindaba

Lingcwatywa ngeCawa iPolisa elibulawe ngokumasikizi eNgcobo

Abongile Ginya|Published

ULuxolo Ndaba (42) waseNtabankulu obulewe kakubi ngabafana ababini belizwe laseLesotho eNgcobo ngomhla wesixhenxe.

Image: UTHUNYELWE

NgeCawa esijonge kuyo uza kube ebekwa kwikhaya lakhe lokugqibela eNtabankulu apho azalelwa khona uSajini Luxolo Ndaba.

UNdaba (42) wabhaqwa ngomhla wesixhenxe (7) kule nyanga esecaleni kwemoto yakhe embala umnyama eluhlobo lweOpel Astra ngasendleleni kwilali iMdeni kwindawo yakuTsazo, eNgcobo. Umzimba wabhaqwa uligazi wonke unamanxeba alishumi elinesine (14) okuhlatywa kwaye kuqhawulwe nomqala wakhe. 

Ngesi senzo sele kubanjwe kwavalelwa abarhanelwa ababini belizwe laseLesotho nabasengaphakathi eziseleni emva kokuba engakhange ayinikwe ibheyile yiNkundla yamaTyala yaseNgcobo. 

Ngokwengxelo yesithethi seeHawks eMpuma Koloni, uNdiphiwe Mhlakuvana, uthi amagama kwakunye nemifanekiso yabarhanelwa ayizukuchazwa sidlangalaleni ngezizathu zokuba kusaqhutyekekwa nophando. 

UMhlakuvana uthi umrhanelwa wesithathu noneshumi elinesithandathu (16) ngeminyaka ubudala ukhululiwe wasiwa kugcino lwabazali nanjengoko engekabikho lungelweni lokubasejele. Ababini abashiyeke eziseleni baphakathi kwamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesithathu ngokweminyaka ubudala.