Iindaba

Umama ubhubhe nabantwana bakhe kwingozi emasikizi yemoto eCumakala

Abongile Ginya|Published

Kubhubhe umama kwakunye nabantwana bakhe ababini kwangoko kwingozi yemoto kuN6.

Image: ECDoT

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, udlulise amazwi ovelwano kwizihlobo zikamama nabantwana bakhe ababini ababhubhe kwangoko kwingozi yemoto.

Ngokwengxelo yesithethi seSebe, u-Unathi Binqose, ithi le ngozi yenzeke ngoLwesithathu emva kwemini kwindlela uN6 phakathi kweMonti kwakunye neCumakala kubunyhidilili bemvula.

Uthi umqhubi wemoto encinci nongumama (40) kwakunye nabantwana bakhe ababini, omnye una5, omnye una15, imoto yabo ingquzulane nebhasi ebilayishe abasebenzi  benkampani eshishina ngenyama yenkukhu eCumakala abaqikelelwa ku20 ubuninzi.

UBinqose uthi kukholeleka ukuba amaxhoba amathathu kwakunye nabasebenzi ebebekwibhasi ngabaseCumakala bonke.

Abasebenzi abonzakeleyo bafumana unyango kwisibhedlele saseCumakala.

UMphathiswa uNqatha ukwabongoze bonke abasebenzisi beendlela bahlale beqaphele kwaye bahlale bethobela imithetho yezendlela.

Uthi uluntu maluthi qwa ingakumbi ngeli xesha likaxakeka kwaye nakwiindlela ezixakekileyo zePhondo.