UNdalo Ngxola (3) ufunyenwe ebhubhile ngakumlabo omkhulu owaziwa ngokuba yiMzimvubu River kude nakowabo ePhungulelweni eNtabankulu.
Image: UTHUNYELWE
Usapho lakwaNgxola kwindawo yasePhungulelweni eNtabankulu luthi indlela umntwana wabo athe wanyamalala ngayo ekhayeni isengumnqa nento ebashiye besenemibuzo engenampendulo.
Oku kuza emva kokuba umzukulwana wabo, uNdalo Ngxola (3), ebechazwe njengolahlekileyo emaPoliseni ngoLwesine kwiveki ephelileyo umhla we11.
Ngokwengxelo yelungu losapho elincokole neli phephandaba I'solezwe lesiXhosa, uAnelisa Ngxola, ithi nangona bengekaxoli ngendlela emke ngayo kubo, kodwa kona ukufumaneka kwamathambo akhe kuyabaxolisa.
UNgxola uqhube wathi basenemibuzo ngokwenzekileyo mhla enyamalala phambi kweliso labo kuba uthi abantwana babedlala endlini begade usana oluseneenyanga ezisixhenxe luzelwe, bona bantu badala behlamba impahla phandle.
"Kuyasixaka ngenene ukunyamalala kwakhe kuba igeyithi sifike isavalwe ngala ndlela ibivalwe ngayo. Akukho mntwana uneminyaka emithathu onokuvula igeyithi eqinisiweyo futhi aphinde ayivale iqine ngala ndlela soze.
"Simkhangele iyadi le yonke nezindlu zonke asambhaqa, saqalisa ukuphumela ngaphandle sibuzisa sancama lakutshona ilanga. Abantwana bebedlala endlini ngencwadi yakwaGrade R bejonge nalo umncinci. UNdalo ebemana ukuza kuthi phandle simane simgxotha ukuba abuyele endlini kwabanye, yona indlela aduke ngayo isengumnqa," utshilo uNgxola.
UNdalo ubhaqwe sisihlobo ebesiyokukhaphela iinkomo kwilali ekuthwa kuGqwarhu, simbhaqa ngakumfula omkhulu uMzimvubu River. Usapho luthi aluqinisekanga nokuba ebangaphakathi emfuleni okanye ubhaqwe sele engaphandle emfuleni. Ubhaqwe engenawo amanxeba neempawu ezibonakalisa ukuba ubulewe. Namhlanje, uLwesine, bekulindeleke ukuba kwenziwe uqhaqho emntwaneni ukuze kwaziwe unobangela wokubhubha komntwana lusapho.
UNgxola uthi ilali afumaneke kuyo umntwana ikude, naye ngoku emdala kangaka zange waya ngeenyawo zakhe. Usapho alukahlali phantsi malunga namalungiselelo omngcwabo.