Iindaba

Bathi basephakuphaku abashiyeke bengenamakhaya ngenxa yemvula eZigodlo

Abongile Ginya|Published

Elinye lekhaya eliwiswe sisitshingitshane sangoLwesibini wale veki.

Image: RMLM

Phantse yonke ilali yaseZigodlo, kwaWadi 1, eMasipala iRaymond Mhlaba, ishiyeke yonakalelwe. Abanye abantu bazibone sele bengenawo namakhaya emva kwesitshingitshane simnyama esikhatshwe yimvula esenzeke ngoLwesibini wale veki.

Umama olixhoba oncokole neli phephandaba (I'solezwe lesiXhosa), uNosakhele Ntame, (81), omkelwe likhaya uthi kuthe kwakuba mnyama kwaqalisa nokuwa isitena sokuqala engaphakathi endlini nabazukulwana bakhe, wanomthandazwano ecinga ngesehlo sentlekele yaseMthatha kweyeSilimela esasuba imiphefumlo engapha kwekhulu yabantu.

"Ndisemzini ngoku ndithetha nawe kwaye sisephakuphaku ngumbono wayizolo. Esi besifikile isitshingitshane besiqala ukusibona kulena ilali izolo. Sithe sisajonge eyesivuthuvuthu, sabona sele kumnyama. Sisajonge leyo, sive isitena sisiwa, kulapho siphakame khona saya kwamakhelwane salandelwa luphahla lonke lale ndlu yam oluthe labetha kwamakhelwane.

"Ndinendlu enye engenobasalungiseka kuba kunethwe nezopali, amazinki abotyobotyo. Akukho nto endinokuyenza. Sendibeke ithemba lam kurhulumente. Nokutya okungenwe ngamanzi kumoshakele kuba bekusemapheyileni," utshilo uNtame.

Iwe phantsi imizi kwaWdi 1 eZigodlo ngenxa yesitshingitshane sangoLwesibini wale veki.

Image: RMLM

Uthi basemizini abaninzi kule lali befihle iintloko kuba bengenayo enye indawo yokubalekela.

Ngokwengxelo, ilali yonke neziphaluka zishiyeke zingenambane. Abanye babahlali bavuke ngentseni yangoLwesithathu baduntsuza bezama ukubethelela amakhaya awo akwimeko engcono kunalawo angenokuvuseka.

UMasipala wesThili iAmathole ikhuphe ingxelo ethi uza kuqalisa uhlolo ukujonga umonakalo kumakhaya athe achaphazeleka kwintlekele eyenzekileyo esebenzisana nooMasipala basekuhlaleni abachaphazelekileyo.

Abo bachaphazelekileyo abaphantsi kweAmathole, yi-Amahlathi, iNgqushwa kwakunye neRaymond Mhlaba Local Municipality.

iAmathole ithi akukho ziganeko sichaziweyo zokonzakala kwanokusweleka kwabantu kwesi sehlo.

UMasipala wasekuhlaleni iRaymond Mhlaba ikhuphe iinombolo kumakhasi onxibelelwano zooceba ukuze abahlali abachaphazelekileyo bakhawuleze bazise ooceba babo.

Iiwadi ezichaphazelekileyo eRaymond Mhlaba nguWadi1,4,12,13 kwakunye no14.