Iindaba

Bafumaneke bephila abakhwetha baseNgcobo abebedukile

Abongile Ginya|Published

Bafumanekile abakhwetha ababini baseNgcobo.

Image: Bheki Radebe / I'solezwe lesiXhosa

Kubemnandi kakhulu kwiintsapho nakuluntu kumakhasi onxibelelwano kwakuvakala iindaba ezithi babhaqiwe abakhwetha ababini baseNgcobo abebeduke ngempelaveki edlulileyo.

Ezi ziganeko zokulahleka kwabakhwetha zenzeke kwiilali ezahlukeneyo eNgcobo ngeCawa edlulileyo.

UMlawuli weKhula Community Development EC, uPetros Majola, udize ezi ndaba zincumisayo ngentsasa yangoLwesibini kule veki. Uthe iintsapho zombini zabakhwetha zimxelele iindaba ezimnandi emva kokuba bezicele uncedo kuye. 

UMajola uthe okubalulekileyo kukuba abantwana bobabini babhaqekile ngosuku olulandelayo futhi babuye bephilile. 

Ingxelo ithi omnye ubhaqwe ngaseAll Saints, logama omnye ebhaqwe ngaseMsawawa kwaseNgcobo. UMajola ukwanqwenelele bonke abantwana abasentabeni ukhuseleko nenkathalelo kwaye babuye bephilile.

Kwaba bakhwetha, omnye (20) ngowe lali yaseMadizeni kuMcobololo. Lo waphuma ngorhatya langeCawa ngelithi uyokuchama kwade kwasa phandle engabuyanga. Owesibini umkhwetha (22) ngowaseGubenxe, eGotyibeni, naye ebeduke ngeCawa ephelileyo.