Iigusha eziyi44 ezibhaqwe eGxulu, eLibode, kumfana ona24 nobanjiweyo ngamaPolisa.
Image: SAPS
Indoda enamashumi amabini anesine (24) ubudala yelali uVezandlebe, eGxulu, eLibode, ibethwe de yasiwa esibhedlele emva kokuba ithe yabethwa kanobomi ngabahlali bala mmandla kuba beyibhaqe ineegusha ezibiweyo ezingamashumi amane anesine (44) ubuninzi bazo.
Le ndoda isindiswe ngamaPolisa athe afika ayihlangula ngethuba abahlali bephez'kwayo. Le ndoda iye yabanjwa kunjalo ze yathunyelwa esibhedlele apho ibiphantsi kogado lwamaPolisa.
Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa, uCaptain Welile Matyolo, ithi amaPolisa ngethuba esabela ikhwelo labahlali kule lali, afike abahlali bebetha le ndoda beyityhola ngokuba ibe iigusha.
UMatyolo uthi kufikwe iigusha eziyi44 ziphila kukho nezicu zenyama esele ixheliwe.
Inyama yegusha ebiseyixheliwe eGxulu, eLibode ngumrhanelwa.
Image: SAPS
"Ezine (4) kwezi gusha umnikazi wazo obevule ityala lokubelwa eLibode uye wazikhomba. Ze ezisibhozo (8) iigusha zomntu naye ebevule ityala uye wazikhomba engowaseNgqeleni. Umrhanelwa akhange abudlulise ubungqina bokuba iigusha zezakhe," utshilo uMatyolo.
UMatyolo uthi iigusha ezishiyekileyo emva kokuba ezilishumi elinesibini (12) zithathwe ngabanikazi bazo ziye zathathwa zasiwa kwisikiti semfuyo sikaMasipala kuTsolo.
Umrhanelwa ubekwe tyala lokuba nemfuyo ebiweyo. Ukuphuma kwakhe esibhedlele uza kuya phambi koMantyi eLibode.
UMajor General Norman Modishana uthi esi senzo sokubanjwa komrhanelwa siza kuba sisifundo nakwabanye abenzi bobubi. Ukwabongoze abahlali ekubeni bangathatheli mthetho kubo ezandleni, koko bazichaze emapoliseni.