Iindaba

Akukho nto imileyo, lisaqhuba njengesiqhelo ishishini lokuhenyuza eMonti

Abongile Ginya|Published

Kusasa ngoMvulo kule veki ngethuba kufike iiHawks kwishishini lohenyuzo eZingonyameni Lodge eQuigney, eMonti.

Image: ABONGILE GINYA / I'SOLEZWE LESIXHOSA

Nangona uVuyokazi Gana (52) esejele, kodwa lona ishishini lakhe lokuthengisa ngomzimba lisaqhuba kwindawo eseQuigney, eMonti.

Oku kuvele ngentsasa yangoMvulo wale veki ngethuba ookhetsha baseMpuma Koloni befike bengabhungisanga eZingonyameni Lodge kwiphulo labo logqogqo.

IiHawks kwakunye noonondaba zifike bekhona abathengisa ngomzimba kwaye ngokweminyaka yokuzalwa bebeqikelelwa ngapha kwamashumi amathathu (30).

Isithethi seeHawks, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthe: "Eyona njongo yabo kukucoca iMonti. Uyakukhumbula ukuba le yenye yeendawo esithe sanqakula umnikazi wayo noseziseleni ngezityholo zokuqhuba ishishini lobuhenyukazi ekubandakanyeka kulo abantwana abancinane.

"Silapha nangoku ngoba sizokuqhuba ugqogqo njengoko besenzile nakwiminyaka edlulileyo. Sizama ukuphucula iQuigney ukuze ibe yindawo enokuthi ihlale abantu kakuhle ingabi yindawo yohenyuzo."

UMhlakuvana uthe xa bebengena ngaphakathi, bathethile nabathengisa umzimba bazixela nezizathu zabo eziwabangele benze ugqogqo. Wongeze ngelithi abakwazanga ukwenza nto kwaba bafike bekhona ngoba ayingobantwana abancinane.

Kusasa ngoMvulo ngethuba iiHawks zityetyele eZingonyameni Lodge elishishina ngezesondo eMonti.

Image: ABONGILE GINYA / I'SOLEZWE LESIXHOSA

Oonondaba bebenalo ithuba lokuthetha nosabambeleyo kweli shishini nanjengoko umnikazi walo esejele.

Uthi izinto zisaqhuba njengesiqhelo, akukho nto itshintshileyo. Uthe abantu babhalisela ukulala kwaye baqala kwiR100. Uqhubeke wathi okwangoku ebengekeva ukuba lithengiselwe komnye umntu, lisephantsi komnikazi walo.

Le ndoda ithi amabhinqa afika kweli shishini ayazingenela ngokuthanda kwawo nangenxa yeemeko zokutsala nzima. Uthi abarhuqwanga, baqala kumashumi amabini ubudala, aziyonyani ezokuba kukho nabantwana abaselula ngokweminyaka.

UGana ubanjwe kwinyanga ephelileyo ziiHwaks ngethuba esemsebenzini wakhe eSinomonde Primary School apho anguSekela Nqununu khona.

Izityholo ajongene nazo kukuvumela kwanokunyanzela abantwana abangamntombazana abasengaphantsi kweshumi elinesibhozo (18) bahenyuze.

Oko wabanjwayo zange ayifumane ibheyile, usengaphakathi eziseleni. Nangona ezenzile iinzame zesicelo sesibheno eRhini kule veki, ziwele phantsi.

UGana usengaphakathi eziseleni, uza kubuyela phambi koMantyi kwinyanga ezayo neza kube ingu2026.