Indoda yaseMthatha igwetywe ubomi ngokufunyanwa idlwengule inkosikazi ephila nenkubazeko.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
IGunyabantu lezoTshutshiso elaziwa ngokuba yiNPA, lisamkele isigwebo sobomi esinikwe uThamsanqa Kwanele Nhonho (31), yiNkundla yeNgingqi yaseBityi emva kokuba imfumene enetyala lokuxhwila nokudlwengula inkosikazi (38) ephila nenkubazeko.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, ithi oku kwenzeke kwinyanga yeNkanga kulo nyaka kwilali yakuKroza, eSithebe, eMthatha.
UNhonho watyhiliza ucango litixiwe ngenkani kwikhaya lale nkosikazi ebusuku ngethuba ikobude ubuthongo.
Ekungeneni kwakhe ngaphakathi wayigrogrisa ngemela esithi mayiphakame wayirhuqela kowabo apho wafika wayidlwengulela khona.
Ixhoba lavuka layokuchaza okwenzeke kulo kwisikhululo samaPolisa saseBityi, oko kwakhokelela ekubanjweni kukaNhonho emva kweentsuku ezimbini senzekile esi senzo.
UTyali uthi uNhonho oko wabanjwa engaphakathi eziseleni zange ayinikwe ibheyile de wabe ufunyanwa enetyala kwaye enikwa nesigwebo.
Ongumlawuli kwezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo. Uthi abenzi bobubi abanayo indawo kwiindawo zoluntu zokuhlala bafanelwe kukuba ngapha kweentsimbi.