Aseziseleni amadoda amane (4) elindele ukuvela kwiinkundla ezahlukeneyo zaseLibode naseBityi malunga netyala lokuxhwila.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Akugcino lwamaPolisa eMthatha amadoda amane aphakathi kweshumi elinesibhozo (18) ukuya kumashumi amathathu (30) ubudala ezelwe emva kokuba ebanjwe ngamaPolisa aseOR Tambo ngoLwesithathu kule veki malunga netyala lokuxhwila indoda (48) eLibode.
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, ithi intwazana yexhoba ithe utata wayo akungafumaneki efowunini yatsalela amaPolisa kuba irhana nanjengoko uyise wakhe kurhaneleka ukuba ebephunyelwe zimali zikaRAF.
Ixhoba lixhwilwe likwilokishi iThabo Mbeki eLibode. AmaPolisa aye ngokukhawuleza ajonga ngobuchwephetsha ifowuni yexhoba ukuba iphi nevele ukuba ikumatyotyombe aseSlovo Park eMthatha.
AmaPolisa alandelele umkhondo, omnye umrhanelwa uye wabanjwa eseCorana eMthatha. Ixhoba lafunyanwa kwilali yaseNgweni nephantsi kweelali zaseBityi apho kufikwe egadwe ngabanye abarhanelwa nabaye babanjwa kwangoko nabo.
Kule ndawo bekugcinwe kulo ixhoba, kufunyenwe imali engachazwanga yexhoba nebisele ikhutshwe ebhankini, kwafunyanwa ifowuni kwakunye namakhadi wexhoba.
Bobane (4) abarhanelwa babekwe ityala lokuxhwila nokuphanga. Kulindeleke ukuba bavele kwiNkundla yaseLibode naseBityi kungekudala nanjengoko kusaqhubekeka uphando.
UMajor General Norman Modishana uwuncomile umsebenzi okhawulezileyo owenziwe yiFlying Squad yaseOR Tambo ibambisene neBityi kwakunye neLibode.