Baza kubuyela kwiveki ezayo ngoLwesine kwakhona ababini bamazwe anagaphandle ababulale iPolisa laseNgcobo – baseziseleni ngaphakathi.
Image: Leon Lestrade / Independent Newspapers
Bashiyeke ngaphakathi eziseleni kuba belindele umhla weshumi elinesibhozo (18) kwiveki ezayo abarhanelwa ababini ababekwe ityala lokubulala uSajini Luxolo Ndaba obesebenza kwisikhululo samaPolisa eNgcobo.
Ngokwengxelo yesithethi seeHawks eMpuma Koloni, uNdimphiwe Mhlakuvana, uthi amagama kwakunye nemifanekiso yabarhanelwa ayizukuchazwa esidlangalaleni ngezizathu zokuba kusaqhutyekekwa nophando.
UMhlakuvana uthi umrhanelwa wesithathu noneshumi elinesithandathu (16) ngeminyaka ubudala ukhululwe wasiwa kugcino lwabazali nanjengoko engekabikho lungelweni lokuba sejele. Ababini abashiyeke eziseleni baphakathi kwamashumi amabini ukuya kwelesithathu (22-23) ngokweminyaka ubudala.
UNdaba ubhaqwe ngeCawa umhla wesixhenxe esecaleni kwemoto yakhe embala umnyama iOpel Astra ngasendleleni kwilali iMdeni kwindawo yakuTsazo Engcobo. Umzimba ubhaqwe uligazi wonke unamanxeba alishumi elinesine (14) okuhlatywa kwaye kuqhawulwe nomqala wakhe.