Inikezelwe nguyise wayo emapoliseni inkwenkwe (14) edubule yabulala enye (11).
Image: SAPS
Utata wenkwenkwe eneshumi elinesine (14) leminyaka ubudala ethe yadubula yabulala enye inkwenkwe eneshumi elinanye (11) ubudala imnikezele ngokwayo kwisikhululo samaPolisa sakuKwaaiman eMqanduli kusasa ngoLwesine.
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, ithi esi siganeko senzeke emva kwentsimbi yeshumi kusasa (izolo) uLwesithathu kwilali iPhezukwewilo kuKwaaiman eMqanduli.
AmaPolisa akuKwaaiman abizwe kweli khaya nafike ixhoba (11) sele libhubhile. Lo una14 usebenzise umpu katatakhe kazenzele wabe uneembumbulu ngaphakathi.
Ngokwengxelo, umnikazi wompu ungqinile ukuba ngowakhe kwaye ebeye edolophini wawushiya uneembumbulu ngaphakathi.