Libuwele iPolisa ebelingumcuphi kwisikhululo samaPolisa saseNgcobo. Abarhanelwa abathathu babanjiwe.
Image: Leon Lestrade / Independent Newspapers
Sishiye abaninzi bothukile isenzo sokubulawa ngokungenalusini kukaSajni Luxolo Ndaba obesebenza kwisikhululo samaPolisa saseNgcobo.
Oku kuza emva kokuba ngeCawe esisisuka kuyo, umhla wesixhenxe, kuthe kwafunyanwa umzimba wakhe ugcwele igazi, uqhawulwe nomqala kwaye unamanxeba alishumi elinesine (14) okuhlatywa kumzimba wakhe wangasentla.
Ngokwengxelo yamaPolisa aseMpuma Koloni, umzimba ufunyenwe ekuseni usecaleni kwemoto yakhe iOpel Astra emnyama ngebala ngasendleleni ekwilali uMdeni kwindawo yakuTsazo eNgcobo.
Ngokwengxelo yesithethi seeHawks eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana, udize ukuba abarhanelwa abathathu sele bebanjiwe mayelana nesi senzo kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi koMantyi eNgcobo kusasa namhlanje.
UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko, uXolile Nqatha, usikhalimele kabukhali esi senzo. Ukwaqhwabele izandla ukukhawuleza kubanjwe aba bathe benza isehlo esibuhlungu
UNqatha uthe: “Ndinethemba lokuba ukubanjwa kwaba barhanelwa bathathu kuza kukhokelela ekutshutshisweni kwabo ukuze usapho lufumane ubulungisa nokuxola.”
OyiNtloko kwiiHawks, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uqhwabele izandla iqela lakhe ngomsebenzi omhle eliwenzileyo lokubamba ngokukhawuleza abarhanelwa.