Abahlali baseZonke Village, eNcerha, eMonti, bekhokelwa yinkokheli yabo uSiphiwo Yazi bephambi kwenkundla eMonti bezokuthi phantsi ngebheyile kubarhanelwa abane baseNcerha ababulele uNikki Damane.
Image: Abongile Ginya / I'solezwe lesiXhosa
Kulindeleke ukuba angcwatywe kusasa ngoLwesine uAmnikiwe 'Nikki' Damane (23) wakwaSobheliti eNcerha emva kokuba kuthe kwabhaqwa umzimba wakhe ngabahlali sele ukwimeko embi kakhulu.
Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa eBuffulo City, uCaptain Hazel Mqala, uthi, uDamane ugqityelwe ngabazali bakhe emva kwemini ngomhla wama30 kwinyanga ephelileyo ephuma esiya koogxa bakhe kwasekuhlaleni.
Ingxelo iqhuba ithi kusasa ngoMvulo umhla wokuqala kule nyanga, abazali bakhe bagagana nezihlangu zexhoba zisendleleni kusekuseni ngethuba beyokukhwela iimoto besiya kuvavanyo lwabo esibhedlele eMonti. Abazali baqalisa ukuxhalaba bazenzela uphando koogxa bakhe nababengamazi apho akhoyo.
UMqala uthi abahlali baqalisa nabo ukuncedisa ukwenza ugqogqo ngakwihlathi elikufutshane nekulapho baye bawufumana khona umzimba ukhonjwa ngutata wakhe kude kufuphi nalapho kwakufunyanwe khona izihlangu ngabazali bakhe.
UMama wexhoba, uLorna Damane, uthi akakwazanga ukungayi uyokubona umzimba womntwana wakhe ngethuba wawubhaqwa uphakati ehlathini.
Abahlali baseNcerha, eMonti, phambi kwenkundla yaseMonti ngethuba kuvela abarhanelwa abane abajongene netyala lokubulala uNikki Dmane (23)
Image: Abongile Ginya / I'solezwe lesiXhosa
"Nangona kubuhlungu kodwa bendifuna ukuxola ndizibonele ngokwam umntwana wam. Ndifike imeko imbi xa ndimjonga eze emazantsi, ngaphezulu isikipha sibomvu, sele eyucuka umzimba umnyama, amehlo engasabonakali kwaye nesisu sele siqalisa ukukhukhumala okanye ukudumba," utshilo umam' uDamane.
Le ntwazana, nebililungu leEFF, ifunyenwe emva kwemini ngoLwesine yabe ilusuku lwesine inyamalele. Isigqeba seEFF eBuffalo City sityelele kweli khaya ngoMvulo ukuyokugxwala emswaneni.
Ngethuba kuvela abarhanelwa abane abajongene neli tyala lokubulawa kukaDamane phambi kwenkundla kule veki, batsho ngazwilinye ekubeni bangafumani ibheyile kuba abafanelekanga ukuhlala nabantu.
USihlalo weCPF weZonke Village, uSiphiwo Yazi, uthi sona isiganeko ayisosokuqala sisenzeka kula mmandla, kodwa kunjalo sibothusile futhi masibe sesokugqibela ngoku.
"Lo mntana mncinci kakhulu. Silapha ukuba inkundla yenze umsebenzi wayo kwaye akangowokuqala kodwa sizokuthi le mayibe ngeyokugqibela isenzeka. Silwela ukuba ibheyile bangayifumani," utshilo uYazi.
Abarhanelwa bashiyeke ngaphakathi eziseleni, ibheyile abayinikwanga, baza kubuyela ngomhla we12 kwinyanga yesibini yonyaka omtsha u2026.