Iindaba

Iyadanisa iANC eKZN, utsho uMbalula

Kamogelo Moichela|Published

UNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula uyigxekile iANC yaseKZN.

Image: Itumeleng English/ Independent Newspapers

UNobhala Jikelele weANC, uFikile Mbalula, ugxeka iANC KwaZulu-Natal (KZN), etyhola eli phondo ngokuwa ngenxa yamadabi angaphakathi nokungaqhubi kakuhle, eyifanisa nento ebifanele ukuba yiFerrari yaphela isisikorokoro seTazz.

Ethetha ecaleni kwindibano yeANC yeNational General Council (NGC) eBoksburg ngoLwesithathu, uMbalula uthe iinkokeli zikazwelonke ziphelelwe lithemba kwikomiti elawulayo yephondo laseKZN (PEC), nethe yachithwa ebutsheni balo nyaka kulandela iziphumo zalo mbutho zolonyulo luka2024 ezingancumisiyo.

"iKZN idanisa kakhulu – malunga nokungenelela kwethu, ndiyakuqinisekisa ukuba kuya kubakho utshintsho," utshilo uMbalula ethembisa isigqeba esincinci esineenkokeli ezintsha.

"Besicinga ukuba siza neFerrari, kodwa ngoku kukho iTazz esebenza pha. Asiqhubi kakuhle."

UMbalula uthe lo mbutho wenze ngokwemfuneko nanjengoko iphondo liye laba ngunozala wento ayichaza “njengengxaki ekhoyo”, nokuxhwithana okwenzeka ngaphakathi [kombutho] olawula umsebenzi wombutho.

"Benza ntoni abantu xa sibanika umsebenzi? Baxakekile belwela ukuba ngubani omakakhokele.

"Balwela izikhundla, hayi lo myalelo sibanike wona. Senza ntoni ngabantu abanjalo? Sibabeka ecaleni," utshilo.

Ukungenelela kweANC eKZN kubonakalisa isenzo esifanayo naseGauteng, nalapho iPEC yachithwayo emva kokuba umbutho wenze imbali ngokwenza kakubi kunyulo.

Omabini la maphondo, nakhe aba ziinqaba ezithembekileyo, aba nezona ziphumo ezibi kwiANC ukusukela ngo1994, nto leyo enyanzelise iinkokeli zikazwelonke ukuba ziqalise amanyathelo okulungisa.

Igqala uAmos Masondo wachongelwa ukuzinzisa iphondo laseGauteng, logama owayesakuba ngumphathiswa uJeff Radebe wamiselwa ukuba akhokele iKZN.

UMbalula ugxininise ukuba uhlengahlengiso oluzayo, ekulindeleke ukuba luqatsele ukusuka kweyoMdumba, lujolise ekwakhiweni ngokutsha kwentembeko nokuziphatha kakuhle kumaphondo amabini abaluleke kakhulu kumbutho.

"Asisaqhubi kakuhle. iKZN sisichithile isigqeba esilawulayo kuba sijongene nengxaki ekhoyo, itsunami," utshilo.

Uthe iANC mayisebenze.