UNomzamo Nkatshu, 42, owaphulukana notata wakhe owayekwiqela labayi42 ababulawa eMaseru, eLesotho, ngo1982.
Image: Abongile Ginya / I'solezwe lesiXhosa
ILe Rona Re Batho Memorial Trust ikhumbule isiganeko esibuhlungu sokubulawa kwabantu ngokungenalusini eMaseru kwilizwe laseLesotho esenzeka ngomhla wesithoba kwinyanga esikuyo yoMnga ngo1982.
Abantu abathi babulawa babengamashumi amane anesibini (42), inxalenye yabo babulawayo yayingamalungu ombutho weAfrican National Congress (ANC) kwakunye namalungu eMK, abaseMzantsi Africa babengamashumi amathathu (30), ishumi elinesibini (12) laliphuma eLesotho.
Ophuma kwiThe Le Rona Batho Memorial Trust, uNomzamo Nkatshu waseMdantsane, eMonti, nowabulawelwa utata wakhe obeyinxalenye yabantu (42) abebeye eMaseru uthi, abakaxoli bengamaxhoba kuba abakatshutshiswa abo babulala abantu babo ngokungenalusini kwaye akukabikho nto yenzekayo nangakwizithembiso ezazenziwe ngurhulumente.
UNkatshu ebethetha ngoLwesibini neentatheli eBeach Front Court Cresent eMonti. Kukwaboniswe nangemizobo yabafundi baseWalter Sisulu University (WSU) abayenzileyo bebonakalisa imvakalelo zabo kwimizobo ngosuku okwabulawa ngalo amaxhoba ka1982.
Eminye yemizobo yabafundi abenza izifundo zeFine Art eWalter Sisulu University eseBeach Front Court Cresent, eQuigney, eMonti. Le mizobo ingemvakalelo yokubulawa kwabayi42 eMaseru, eLesotho.
Image: Abongile Ginya / I'solezwe lesiXhosa
"Ndilixhoba kuba ndingomnye wabantwana abaphulukana notata ngolwa suku. Nangona nje esi siganeko senzeka ndisenenyanga ezilishumi (10) kuphela ndizelwe, kodwa kubuhlungu kuba andinaye utata.
"Nangona umnyhadala uzokuba ngomhla we19 kule nyanga, kodwa sibone ukuba silisebenzise eli thuba kwanolu suku lwanamhlanje lwesithoba lungadluli nje kuba lubalulekile kuthi. Namhlanje sizise le misebenzi yenziwe ngezandla zabafundi baseWSU ukukhumbula bonke abawa ngo1982 nango1985," utshilo uNkatshu.
UNkatshu uqhube wathi nangona isiganeko esi sineminyaka engapha kwamashumi amane senzekayo, abakaxoli beziintsapho zamaxhoba esithi akukho namnye owathi watshutshiswa ngokubulala abantu babo.
"Kwezinye zezinto ezisenza singaxoli zizithembiso zeemfanelo ezenziwayo zokuba abazali bethu bakufumana okuncinane kurhulumente – nezi zinto ezi ziimfanelo kuthi. Kusekho abanye abahlolokazi abangekaxhamli nanjengoko zingekenziwa ezo zithembiso. Siyathemba imisitho enje iza kunceda kuba kubakho iziphathamandla eziye zive izikhalo zethu," uvale ngelo uNkatshu.
UNkatshu uthi owona msitho mkhulu uza kube ungomha we19 kwiveki ezayo. Kulo msitho kuza kube kukho onke amaxhoba kwanabafundi baseWSU abazobe imifanekiso ebekuboniswa ngayo ngoLwesibini eBeach Front Court Cresent eQuigney.