Iindaba

Ibanjiwe indoda yaseSulenkama ekrwitshe yabulala inkosikazi ebithandana naye

Abongile Ginya|Published

Ibanjiwe indoda ebulele isithandwa sayo eSulenkama kuQumbu.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Kulindeleke ukuba ivele phambi koMantyi enkundleni yakuQumbu ngentsasa ngoLwesithathu wale veki indoda (32) yaseLuxeni, eGqukunqa, ekrwitshe yabulala intokazi ebithandana nayo (29).

Esi sehlo senzeke emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya langeCawe edlulileyo ngethuba ixhoba belisuka emgidini eMaqonyeni, eCaba, labe lihamba neetshomi zalo ngethuba ligagana nomrhanelwa.

Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, ootshomi bexhoba baye babaleka ze umrhanelwa wahlasela ixhoba olibethe walikrwitsha lade labhubha ngesizathu esingekaziwa. Kuthiwa emva koko wayokulinyengeza kwisofa yomzi okufutshane sele lize kumzimba ongezantsi ixhoba.

Emva kophando oluye lenziwe, kuye kwabanjwa indoda ngoMvulo wale veki eseziseleni ngoku ekulindeleke ukuba ivele enkundleni ngomso. UMatyolo uthi unobangela wesi senzo awukaziwa futhi kusaphandwa.

UNjengele Norman Modishana usikhalimele esi senzo nathi sisenzo esenziwe ngumntu obethembisa ixhoba ngothando nangokulikhusela. Uthe okubi kukuba senzeke xa kanye ezi iziintsuku zokulwa ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana.

UNjengele Modishane ubongoze oogxa bakhe ukuba beze nobungqina obupheleleyo ukuze umrhanelwa ajongene nengalo yomthetho.