Usekele nqununu waseSinomonde Primary School nojongene nezityholo zokushishina ngabantwana abangamantomabazana kwishishina lakhe lezesondo eliseQuigny eMonti.
Image: Abongile Ginya
OnguSekela Nqununu kwisikolo iSinomonde Primary School eMonti, uVuyokazi Gana (52), nojonene nezityholo zokurhwebesha abantwana abangamantombazana – abanye babo nabaselula ngokweminyaka ebasebenzisa kwezesondo kwishishini lakhe eliseQuigney, eMonti, uza kuchitha iKilisimesi yakhe eseluvalelweni.
UGana, noza kuvela kwakhona phambi koMantyi ngomhla wesithathu kwinyanga yoKwindla kunyaka ozayo, ungaphakathi eziseleni.
Oku kuza emva kokuba uMantyi engamnikanga ibheyile ngethuba evela kwiveki ephelileyo kuba esithi makwenziwe uphando oluphangaleleyo.
Lo titshalakazi, noyinzalelwane yaseNgqamakwe, sele evele amatyeli amahlanu phambi kwenkundla emva kokubanjwa kwakhe ziiHawks esemsebenzini wakhe kwinyanga ephelileyo.
UGana uzame amatyeli elwela ukufumana ibheyile kodwa ngaphandle kwelize.
INkundla ngethuba ifunda umqulu wesicelo sebheyile sikaGana, yaveza izizathu zokuba acele inkundla ukuba imnike ibheyile, esithi ezinye zazo kungenxa yemeko yempilo yakhe engentlanga. UGana unezigulo anazo ezichazwe enkundleni nezidinga uhoyo ngokukhawuleza nanjengoko oogqirha bakhe bengaphandle.
Ocupha ityala, uLt Colonel Nangamso Ndawule, wadiza ukuba akasiboni isizathu sokuba ayinikwe ibheyile uGana kuba ayimfanelanga ngenxa yesenzo esinobuzaza.