Iindaba

Jikijwa: 'Ndinethemba lokuba iza kundivulela iminyango imbasa yam'

Abongile Ginya|Published

UThembelani 'Jkijwa' Sikilishe nembasa yakhe ayifumene eGoli.

Image: UTHUNYELWE

Umsasazi wesikhululo iBay FM eGqeberha, uThembelani "Jikijwa" Sikilishe, akawuvali umlomo luncumo emva kokuba ebuye nembasa ebeyigxeleshe kakhulu kwiTelkom Radio Awards.

UJikijwa uthi unethemba ekwathandaza ukuba le mbasa ayifumeneyo iyakuthi imvulele iminyango kwizikhululo ezikhulu.

"Kudala nditshotsha kwizikhululo zasekuhlaleni zonomathotholo akukhonto ndingayifundanga, ndikulungele ukungena kwezikhulu. Ngoku umthandazo wam kukuba ndingene kwizikhululo ezifana noKhozi okanye uMhlobo Wenene ndiphuhlise nangakumbi italente yam nanjengoko kukudala ndizama kuzo," utshilo uSikilishe.

Le mbasa yeTelkom Radio Awards uyifumane ngoMgqibelo wempelaveki esiyishiyayo eSandton Convention Centre, eGoli.

Uphumelele ngenqkubo ayenzayo ethi, Yatshw’ Ingoma, nengomculo wesiNtu engoLwezine phakathi kwentsimbi yeshumi ukuya kweyokuqala ezinzulwini zobusku kwiBay Fm.

UJikijwa uqhube wathi kudala ithuba elinje elilindile nanjengoko ekhankanyile kuba kudala ezama esehla esenyuka nathi oku ibengumvuzo weenzame zakhe.

Ukwabulele inkxaso kwanothando alinikwa luluntu kuquka nabaphulaphuli bakhe.

USikilishe nowaziwa ngelikaJikijwa yinzalelwane yaseQwaninga kuGatyane phantsi kweNkosikazi uNosintu Manxiwa.