USenzo Mchunu uvumile ukuba zange athethe noMkomishinala wamaPolisa kazwelonke malunga nokuchithwa kwePKTT.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
UMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu uvumile ukuba walichitha iqela leSAPS Political Killings Task Team (PKTT) ngaphandle kokuthethathethana nawona magosa afanelekileyo, kuquka noMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola.
Enikela ubungqina phambi kweKomishini kaMadlanga ngoLwesine, uMchunu uvumile ngethuba ebuzwa nguMkomishinala uJustice Mbuyiseli Madlanga ukuba khange kubekho ndibano, uthethathethwano kwaye zange afumane ingxelo ephuma kwiinkokeli eziphezulu zeSAPS phambi kokuba akhuphe umyalelo wokuba kuchithwe iPKTT ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyoMnga ka2024.
Ephekwa ngemibuzo, uMchunu uvumile ukuba uMasemola, nathe waqinisekisa ukuba "unobudlelwane obuhle bentsebenziswano" naye, bekufanele ukuba [uMasemola] ube ngowokuqala ukumcebisa malunga nokuba iPKTT kufuneka iqhubeke nokusebenza na.
"Ndithathe isigqibo ngaphandle kukaMasemola," uvumile uMchunu.
Umyalelo woMphathiswa wayala ukuba iPKTT ichithwe "ngoko nangoko" - into bekunzima ukuyichaza phambi kweKomishini.
UMadlanga ubuze ukuba ngaba bekukho na uthethathethwano ngaphambili phambi kwalo myalelo.
UMchunu waphendula wathi: "Hayi."
Eli qela (PKTT), elasekwa ukuphanda iziganeko zokubulawa kwabantu bezopolitiko ikakhulu KwaZulu-Natal (KZN), liye lanconywa kakhulu kwiSAPS nangabantu ngokuphucula amazinga okubanjwa kwabenzi bobubi.
UMchunu uvumile ukuba umsebenzi weqela "usoloko unconywa," kodwa leli qela kuphela elithe lachithwa phantsi kolawulo lwakhe.
UMadlanga ubuze ukuba kutheni ekhethe eli qela kuphela xa uxinzelelo lohlahlo lwabiwomali luchaphazela amacandelo amaninzi eSAPS.
UMchunu uthe iindleko zePKTT "zitsale umdla wethu," kodwa wasokola ukuchaza ukuba kutheni ikhutshwe yodwa nje.
UMkomishinala ukwabuze uMchunu malunga nexesha alithathe ukwenza esi sigqibo sakhe. UMchunu uthe le ngcamango yamfikela ngethuba "ecinga" ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyoMnga.
Nangona kunjalo, uMadlanga uveze ukuba ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMnga, kusuku olungaphambili, uMchunu noMasemola bebekunye kumngcwabo obuseMpangeni.
Nangona ebesele ecinga ngokuchitha eli qela, uMchunu akakhange ayithethe le nto kuMkomishinala kazwelonke.
UMchunu uphinde wasilela ukunika ingcaciso ecacileyo ecacisa yintoni le ingxamisekileyo malunga nomyalelo wokuchitha iPKTT nathe "ngoko nangoko."
"Ngoko nangoko" — ndiyayazi kakuhle apho ivela khona," utshilo. "Akuthethi ukucinywa kwesibane. Kufuneka ifundwe kunye nento endiyicele kuMkomishinala kazwelonke."
Ugxininise ukuba akaphenjelelwanga ngumntu xa esenza isigqibo.
UMchunu kulindeleke ukuba abuyele kule Komishini ngoLwesihlanu.