UMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu uvele phambi kweKomishini kaMadlanga.
Image: IOL Graphics
UMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu uvule ubungqina bakhe kwiKomishini kaMadlanga ngoLwesibini ngokuthi ngethuba enguMphathiswa akazange achaphazeleke kubuqhophololo.
"Nakanye," utshilo uMchunu, nobungqina bakhe buza phakathi kwezityholo ezinobuzaza, ezibanga ukuba uzimanye nezaphulimthetho kwaye wasebenzisa igunya lakhe njengosopolitiki ukukhusela abantu abaphantsi kophando lolwaphulomthetho.
Amangqina aliqela, aquka uMkomishinala wamaPolisa, uFannie Masemola, kunye noMkomishinala wamaPolisa eKZN, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, bakhankanya abantu abaphezulu kwezopolitiko ekutyholwa ukuba bagxuphuleka kuphando lwamapolisa.
Ngethuba ethetha noonondaba ngomhla wesithandathu kweyeKhala, uMkhwanazi uthe uMchunu wayalela ukuba ichithwe iPKTT ephondweni.
UMchunu wakhupha ileta eya kuMasemola kweyoMnga ka2024, esithi mayichithwe kwangoko iPKTT.
Utyhola ngelithi lo myalelo wenziwa phantsi koxinizelelo olusuka kwabantu abafana nosomashishini ongundabamlonyeni uVuzimusi “Cat” Matlala, obanjelwe ukuzama ukubulala, kunye notyholwa ngokuba yintlola yezopolitiko uBrown Mogotsi.
La mabango, naphakanyiswe ngamangqina amaninzi ngexesha lokunika ubungqina ngaphambili, abangele ukuba anqunyanyiswe okwethutyana [uMchunu] futhi oku kuqinise uxinzelelo kwiKomishini ukuba iphande ungenelelo lezopolitiko okutyholwayo kwinkqubo yobulungisa.
IKomishini, neyasekwa ukuphanda ukuba ngaba amagosa aphezulu karhulumente namapolisa asebenzisa iinkqubo zesipolisa ukuze afumane inzuzo yobuqu okanye yezopolitiko, ive ubungqina beeveki ezininzi obukhomba kwiinzame zokuthintela, ukugrogrisa kunye nokukhusela abenzi bobubi.
UMchunu ebesoloko ekhanyela ukuba wenza ububi ethethelwa ngabameli bakhe.
Ukwakhanyele ezi zityholo ngethuba enikela ubungqina kwikomiti yePalamente kwinyanga ephelileyo.