Umsasazi weBay FM eGqeberha, uThembelani "Jikijwa" Sikilishe, waseQwaninga uvuyela ukutyunjwa kwenqkubo yakhe kwiTelkom Radio Awards.
Image: UTHUNYELWE
Umsasazi wesikhululo iBay FM eGqeberha, uThembelani "Jikijwa" Sikilishe, nelakhe igama lichongiwe emva kokuba iTelkom Radio Awards ithe yatyumba inqkubo ayenzayo ethi, Yatshw’ Ingoma, nengomculo wesiNtu engoLwezine phakathi kwentsimbi yeshumi ukuya kweyokuqala ezinzulwini zobusku.
USikilishe nowaziwa ngelika Jikijwa yinzalelwane yaseQwaninga kuGatyane phantsi kweNkosikazi uNosintu Manxiwa.
Uthi ukutyunjwa kwakhe kuthetha ukuba abantu bayinika indlebe inqkubo yakhe futhi iyamanyelwa nangona ikwixesha lasebusuku.
"Ndiyavuya kakhulu ukutyunjwa ithi loo nto abantu bayawuqwalasela umsebenzi esiwenzayo kunomathotholo.
"Ndibulela inkxaso kwisizwe sonke. Eli wonga likhulu kakhulu leTelkom Radio Awards – ndonwabile, ndivuyela oko kokutyunjwa ngokukodwa kuthetha lukhulu," utshilo uSikilishe.
USikilishe ungene kwiBay FM kunyaka ophelileyo kweyoKwindla. Uthi esemncinci iphupha lakhe yayikukuba ngumsasazi.
"Ireyido ndikhule ithandwa kakhulu ngabazali bam, utata ngelo xesha esengumphangeli eGoli. Ndithe ndisokuza edolophini ndakhangela izikhululo zasekuhlaleni, ngo2014 ndayifumana, kodwa zange kubelula kwakukhona esele besisigxina kwiinkqubo," utshilo uSikilishe.
Iimbasa ziza kubanjelwa eSandton Convention Centre eGoli ngomhla wesithandathu kwimpelaveki yokuqala yenyango ezayo.
Uqhube wathi kunjalo zange aphele themba wafumana njengevolontiya eNgqushwa FM phakathi ko2017 no2021 evuka eGqeberha, esiya eNgqushwa rhoqo ngeempelaveki.
USikilishe sele esuka naseKouga FM waphuma waya kwi-Ilizwi Online Radio nephantsi kwegqala lezosasazo uMzukisi Faleni.
Uthi kuzo zonke ezi zikhululo asebenze kuzo ebesenza iinqkubo zikaMaskandi nezamandulo, iGolden Oldies.
KwiBay FM 107.9 uthi ukhe abambele nakwinqkubo yasemini phakathi evekini nasebenzisa ulwimi lwesiNgesi kuyo. Lo ukwanguye nomphathi matheko (MC) kumatheko.
Sithetha nje ugqibezela izifundo zakhe zeDevelopment Studies eNelson Mandela University.