Uza kuvela kusasa ngoLwesihlanu eDutywa umrhanelwa ojongene netyala lokudlwengula intwazana.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Indoda yakuGudlindlu, eFalakahla, eDutywa, ejongene nezityholo zokudlwengula intwazana eneminyaka esibhozo kuphela iza kuvela kwakhona kusasa ngoLwesihlanu kwinkundla yamatyala eDutywa.
NgoLwesithathu kule veki bekulindeleke ukuba avele kodwa ngokokutsho kwabahlali ebebephambi kwenkudla besiva ngegqwetha lomrhanelwa, akadanga wabe uyavela ngesizathu sokuba omnye wabatshutshisi ebexakeke kwiinkundla zaseGcuwa.
Umrhanelwa (38) igama lakhe lifihliwe ukukhusela ixhoba nanjengoko behlobene, ubanjwe kwiveki ephelileyo emva kokuba abahlali bebize amaPolisa malunga nenyala alenzileyo lokudlwengula umntwana.
Usapho lwexhoba kwanelomrhanelwa lalikumzi wosapho owawunomcimbi ngezolo.
Ingxelo ithi umrhanelwa wayesele emkile kumzi obunomcimbi ekowabo wabona ixhoba lidlula gendlela ligoduka walikhwaza esithi ufuna liyokumthengela icuba kanti umbizela ukumdlwengula.
Umrhanelwa wabhaqwa ngunkosikazi wakhe ezenzela emntwaneni wabe ezogqume ngengubo.
Ingxelo iqhuba ithi umrhanelwa wabizwa kwaxoxwa le nyewe isikhaya, kodwa kunjalo umrhanelwa waliphika ityala.
Umama womntwana ngokufuna ubulungisa ngomntwana wakhe waye wabiza amaPolisa wabanjwa umrhanelwa nongaphakathi eziseleni eDutywa.