Iinkokheli zomasipala iDr AB Xuma kwindibano ebitshisibunzi nooteksi kwanoSAPS ukuza nesisombululo sokuvalwa kukaR61 ngorhatya lwangoLwesibini.
Image: FACEBOOK
Nangona nje izinto zibuyele esiqhelweni kwidolophu yaseNgcobo emva kwendibano ebinde nebiphakathi kweenkokheli zomasipala iDr AB Xuma, oonoteksi namapolisa kuzanywa ukuziwa nesisombululo, esi senzo sikhalinyelwe kabukhali nguMphathiswa weSebe lezoThutho, uXolile Nqatha, ngelithi sibeka ubomi boluntu esichengeni.
Ngorhatya lwangoLwesbini kule veki uluntu lushiyeke lugcabe edolophini eNgcobo lungenanto yokugoduka emva kokuba oonoteksi bevale indlela uR61 kuba bengavisisani nenkampani yebhasi uIntercape kwakunye namaPolisa.
Ingxelo ithi intsusa yolu gwayimbo ibikukuba amaPolisa ebekhapha le bhasi ngorhatya izolo kulandela isiganeko seveki ephelileyo sokuhlaselwa kwebhasi iMakalala ebisuka eMthatha isiya eKapa nekuye kwabhubha umntu wamnye ongusisi konzakala abanye, kuquka nomqhubi ngethuba ihlaselwa phakathi kweNgcobo neCofimvaba.
UNqatha kwingxelo ayikhupe kusasa ngoLwesithathu, uthi akukho zikhalazo zinokwenza kulunge into yokuvalwa kweendlela, koko oku kuyaphazamisa kwaye kubeka nobomi babantu esichengeni.
USomlomo weBhunga kuMasipala iDr AB Xuma, uMandilakhe Kondile, uqinisekisile ukuba yonke into ibuyele esiqhelweni kula dolophu.
UKondile uthi isisombululo side sabe siyaphuma emva komhlangano obemde nothathe iiyure ezintathu kusasa. "Siyakuqinisekisa okokuba siyisombulule iingxaki ebekungabonwa ngasonye ngazo, izinto sithetha nje zibuyele esiqhelweni. Sizinkokheli zaseDr AB Xuba siyaqinisekisa ubomi babantu nemeko abaphila kuyo yinto ebaluleke kakhulu kuthi yinto esiyithathela ingqalelo ngamaxesha onke," utshilo uKondile.
UNqatha uthi oku akusoze kwamkelwe nakanye, oonoteksi mabafikelele kwisivumelwano kungachaphazeleki nabakhweli.