Iindaba

Obengumsasazi usebenzela uphuhliso notshintso kulutsha lwaseGcuwa

Abongile Ginya|Published

Umsasazi nokwangumququzeleli kaMr & Miss Gcuwa uOros Nomaza Mdingi.

Image: UTHUNYELWE

Owayesakuba ngumsasazi kwisikhululo sasekuhlaleni esiseMthatha iUnitra Community Radio (UCR), uNomaza Oros Mdingi, uququzelela umnyhadala woonobuhle, uMr & Miss Gcuwa, oza kuba kule mpelaveki ngoMgqibelo edolophini.

UMdingi uthi ubone ukuba ashukume ngenxa yokunqongophala kwemisebenzi kwanento yokwenza kulutsha lwala mmandla noluye luphele luzibandakanya kwizinto ezigwenxa ezifana nokuchitha ixesha labo kwizinto ezininzi ezingabakhiyo.

UMdingi yinzalelwane yaseGcuwa nangonanje ekhulele eMthatha. Uthi khange kubemnandi ekubuyeni kwakhe ngo2020 xa eqwalasela ukuba ulutsha luninzi eGcuwa kwaye luhle futhi lunetalente, koko aluyazi ukuba lakuya ngaphi ukuze luncedakale.

Uthi wabona ukuba azame utshintsho ukuze lubenento yokwenza ezakuthi ibatshintshe iingcinga neemvakalelo ngokuthi aqalise uMr & Miss Gcuwa.

"Enye yeenjongo zikaMr & Miss Gcuwa kukubonisa abantwana abafuna ukulandela ikhondo loonobuhle ukuba ayinakuba uphumaphi okanye uzalelwephi. Sifuna baqale kwangoku ukuzithemba ukuzazi nokuba bazithande. Abaninzi oonobuhle abasele sibaqeqeshile sele bengenela nakumakhuphiswano oonobuhle amakhulu nokusivuyisayo ke oko," utshilo uMdingi.

Umsasazi okwaququzelela uMr and Miss Gcuwa uOros Nomaza Mdingi.

Image: UTHUNYELWE

Uqhube wathi ayilophupha lakhe yedwa elokubona ulutsha lommandla waseMnquma luphuhla nanjengoko esithi baninzi abantu abamxhasayo nasebenzisana nabo esingabalula abambalwa abafana noMasipala woMnquma, oosomashishini, iitshomi zakhe kwakunye noNcebakazi Ndlazi.

UNdlazi ngomnye wabaziwa ngokuncedisa kakuhulu ekwakheni nasekunikeni ukuzithemba kwabantwana, ingakumbi abo banekamva eliqaqambileyo kummandla waseMnquma.

Lo msasazi uthi ukhulele kwikhaya elithanda ubugcisa nenkcubeko kungoko engakwazi ukuthula abukele ulutsha lutshabalala lube lunetalente.

UMdingi uvale ngelithi unqwenela lowo unokuthi amncedise olule isandla kweli phulo kwiminyaka ezayo kuba unqwenela amabhaso kwabangeneleyo ibeyinto eyakuthi ihlale isisikhumbuzo kwaye ivuselele isazela nethemba. Ukwathi eminye yeminqweno kukuba ulutsha lufumane izibonelelo zokufunda, iibhasari ngamanye.

UMr & Miss Gcuwa uza kuqala ngentsimbi yethoba (09h00) kusasa kwiholo yedolophu yaseGcuwa.

Amatikiti aqala kwiR50 ebantwaneni, kuwonkewonke yiR80 ukuya kwiR100.

Isithethi sosuku ngu-Isphile Ndlazi. umphathitheko nguOthandiwe Outs Petu, yena uDJ iza kube inguDJ Samzarioh.