Kubhubhe amakhwenkwe amabini aseHillside KwaMaqoma ngoMvulo ezidadela kwidami elikufutshane.
Image: Henk Kruger/Independent Newspapers
Zisaxhelekile iintsapho zaseHillside, KwaMaqoma, emva kokuba zithe zabhujelwa ngabantwana kabuhlungu abathe barhaxwa ngethuba bedada edameni emini ngoMvulo kule veki.
Aba bantwana nguMphumezo Mampe (12) nobesenza uGrade 6 kwakunye noSinentlahla (11).
Umakhulu kaMphumezo, uVuyiswa Siyoni (62), ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uthe khange ayazi ukuba u2025 uza kumvala ngeenyembezi.
“Khange ndiyazi ukuba kule iveki ndizokube ndithokombisa intloko kukushiywa nguMphumezo nobengxamele ukugqiba ukubhala azoya kwiiholide zeklisimesi. Umntu obengandihluphi nganto koko esonwabisa kwaye esikhathalele.
“Ndingumntu wesifo seswekile, ngepeyi ndincedwa nguMphumezo edolophini. Nguye obesehla esonyuka ndithuma yena ngepeyi ndibe ndihleli phantsi nasendlini besikwathuma yena, ngenene akukholeleki kwaye sisothukile,” utshilo uSiyoni.
USiyoni uthi umzukulwana wakhe ubuye kwangethuba esikolweni kuba bebhala iimviwo kwabe kushushu imozulu phanlde, nathi umgqibele ehleli phambi kwethivi ebukele. Logama yena ebengqengqe egumbini, uqaphele xa emkhwaza ukuba akakho ezokuthi makamphathele amanzi – akasabela.
Uqhube wathi iindaba ezibuhlungu zifike esangqengqile, zifika nodadobawo wexhoba elibhubhileyo nalo esithi makaye edamini abantwana batshone ngaphakathi abade bavele.
Abantwana baye bakhangelwa emanzini ziindadi zamaPolisa de bafumaneka bakhutshelwa ngaphandle.
UMasipala wasekuhlaleni iRaymond Mhlaba udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zabantwana abaphulukene nobomi babo beselula kakhulu.
USodolophu uNomhle Sango uthi iintsapho baza kuzinika inkxaso kangangoko kuquka nololuleko ngokomphefumlo nanjengoko bejongene nexesha elinzima. Enqwenelela amandla kwanokuphila kwinkwenkwana esindileyo, kuquka nosapho lwayo.
Lo Masipala uhlabe ikhwelo kubazali nabahlali ekubeni bahlale bethe qwa kwaye bahlale belumkisa nabantwana ngobungozi bokudada emadamini nasemilanjeni xa kushushu.