Iindaba

Imivuyo ijike yayincindi ekrakra kwintwazana yaseMthatha

Abongile Ginya|Published

Kufuniswa ngoMihle Vimbani (19) ogqityelwe ngoLwesine kiwiveki ephelileyo eMthatha eyokulanda ilayisenisi yakhe.

Image: SAPS

AmaPolisa aseNgangelizwe eMthatha abongoza intsebenziswano eluntwini kufumaneke intwazana engaziwayo apho ikhoyo lusapho lwayo.

Ngokwengxelo yesithethi uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ithi, uMihle Vimbani (19) ugqityelwe ngomhla weshumi elinesithathu (13) kule nyanga ngethuba esuka eThekwini, KwaZulu-Natal esiya eMthatha eyokulanda ilayisenisi yakhe nesisiqinisekiso sokuqhuba.

UColonel Mawisa uthi ngokwengxelo, uVimbani wafika eMthatha wangqala apho kulandwa khona iilayisenisi kwiSebe lezeNdlela emva koko esenemincili wathumelela umama wakhe umfanekiso wayo kuWhatsApp. 

Ingxelo ithi umama kaVimbani kukugqibelisa kwakhe ukuthetha nomntwana wakhe kuWhatsApp kwaye engazange afike naseThekwini apho ahlala khona.

Kwiinzame esele zenziwe zokumkhangela – iselilize. Kubongozwa onolwazi okanye ombonileyo atsalele uDetective Sergeant Mphathiswa Hintsho eNgangelizwe SAPS ku083 921 0387 okanye ku08600 10111.