Iindaba

Kufuniswa ngezihlobo zendoda engaziwayo eyatshayiswa yimoto!

Abongile Ginya|Published

Amapolisa aseDespatch akhangela uncedo eluntwini ekufumaneni usapho lwendoda eyatshayiswa yimoto yabhubha kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

AmaPolisa aseDespatch, eMpuma Koloni, abongoza kuye nabanina onesihlobo sendoda engaziwayo eyatshayiswa yabhubha kuR75 kwinyanga yoMsintsi.

Ngokwengxelo kaCaptain Sandra Janse Van Rensburg, ithi, le ngozi yenzeka kwindlela uR75 phakathi kwendlela iAzalia Park kwakunye neJoe Slovo eDespatch kungoMgqibelo umhla we13 kweyoMsintsi.

Ixhoba laliwela indlela ngethuba ligquzulwa yimoto nelaye labhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

Ixhoba liqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala lizelwe.

Impahla eyayinxitywe lixhoba ngomhla elibhubha ngawo, yibhulukwe embala ogreyi, nejezi embala ugreyi enemigcana emincinci ebomvu nemhlophe, iiteki ezimhlophe ngokombala ze wathwala nomnqwazi onombala omdaka (brown).

Iqwakuqwaku laye lavulwa kwisikhululo samaPolisa saseDespatch kwaye nophando lusaqhubekeka. 

Ofuna uncedo ngesihlobo sakhe esingaziwayo apho sikhoyo angatsalela uWarrant Officer Danny Muller ku041 933 8000 ngamaxesha omsebenzi. Okanye naninina atsalele uCrime Stop ku08600 101111 kungenjalo atyelele isikhululo saseDespatch.