Iindaba

Utata odlwengule intombi yakhe ephazamiseke engqondweni ugwetywe ubomi

Abongile Ginya|Published

Utata ugwetywe ubomi entolongweni ngokudlwengula umntwana wakhe.

Image: Morgan Morgan / DALL-E / DFA

Iza kuchitha ubomi bayo bonke ejele indoda (39) yelali yaseJoveleni, eHeshele, neye yavuma phambi kweNkundla yamaTyala ukuba inalo ityala kwaye yamdlwengula ngenene umntwana wayo (19) nophazamiseke ngokwasengqondweni.

Le ndoda, nengachazwanga ngagama ukukhusela ixhoba, yalenza eli nyala kweyeThupha ka2024 eJoloveni ngethuba le ndoda icela umntwana wayo ukuba amkhaphe ukuya kuthatha isazisi sikagxa wakhe wasemsebenzini kwilali iMangweni.

Ngokwengxelo yeNPA eMpuma Koloni, xa besendleleni ebuyayo bephakathi kwehlathi, utata wacela intombi yakhe ukuba babelane ngesondo. Xa engavumi, wamnyanzela, wamoyisa ngamandla, waza wamdlwengula.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi emva kokuba le ndoda yenze eli nyala, yayalela intombi yalo ukuba ingaze ixelele namnye umntu yamgrogrisa ngokuba uza kumbulala.

Ingxelo iqhuba ithi, emva kweveki ixhoba laxela kumalume walo, umalume akahoya. Ixhoba lakungahoywa ngumalume, laxela kumakazi walo owayevela eGoli nowathatha amanyathelo ngokuyokubika emapoliseni. Utata womntwana wabanjwa ngenyanga elandelayo kweyoMsintsi ka2024.

Ngethuba kuqhuba ityala, umtshutshisi wengingqi, uAnele Magabile, waveza into yokuba utata uthathe ithuba emntaneni wakhe kuba enenkubazeko kwaye umjikele njengomzali ebekufanele uyamkhusela.

INkundla ibone kubalulekile ukuba anikwe isigwebo sobomi utata womntwana.

OyiNtloko kwezoTshitshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usivuyele isigwebo esinikwe lo tata esithi umthetho ulwela abangakwazi ukuzilwela.

UBarry uthi esi isigwebo sakubangumzekelo kwanesifundo nakwabanye abenzi bobubi.