UFloyd Shivambu uthi iMayibuye Afrika Movement yakhe entsha ikhule kwiinyanga ezine ukuya kwinqanaba iEFF elifikelele kuyo emva kweminyaka ephantse ibelishumi.
Image: X@FloydShivambu
Inkokeli yombutho wezopolitiko osandula ukusekwa, iAfrika Mayibuye Movement, uFloyd Shivambu, uthi umbutho wakhe ufikelele kwinqanaba elithile kwiinyanga nje ezine ebekufanele ukuba iEconomic Freedom Fighters (EFF) yafikelela kuyo kwiminyaka esibhozo okanye elithoba.
UShivambu ukuthethe oku ngethuba ebethetha noonondaba eMidrand emva kwemini ngoLwesithathu.
Ebephendula umbuzo wokuba mangaphi amalungu athe aqokelelwa ngulo mbutho ukusukela oko wasungulwa kweyoMsintsi.
Owayesakuba nguSekela Mongameli we-EFF, uShivambu, wazibandakanya neMK Party kweyeThupha ka2024 emva kokushiya iEFF awayisungula noJulius Malema ngo2013.
Ukususela ngoko uye watyhola iinkokeli ze-EFF “ngokuboniswa” (delusional).
"Le enye, iEFF, esayisekayo, ikhokelwa ngabantu ababoniswayo," utshilo.
Ngokutsho kwakhe, uMzantsi Afrika okwangoku awunawo umbutho wenkululeko yokwenyani.
"Sikhona ukuze sivale isithuba sombutho wenkululeko eMzantsi Afrika - ukubonelela ngezopolitiko ezicacileyo nezinenguqu epheleleyo ezibeka phambili iimfuno kunye neminqweno yabantu. Yiloo nto esiyikhathaleleyo, kwaye asixolisi ngalonto."
Ephendula kubagxeki abathi iqela lakhe elitsha liza kubhanga, uShivambu uthe iAfrika Mayibuye Movement “ayiyi ndawo.”
"Ndibona abantu bethetha kumakhasi onxibelelwano ukuba lo mbutho uza kufa. Uluvo lwam kukuba awuzukufa. Ulapha ukuhlala ixesha elide kwaye uza kuzisa inkululeko epheleleyo eMzantsi Afrika. Yenye into esiqinisekise ngayo," utshilo.
UShivambu uthi ukukhula kombutho kukwinqanaba apho iEFF bekufanele ukuba ifikelele kuyo kwiminyaka esibhozo okanye elithoba.
"Siyayazi ukuba inqanaba iAfrika Mayibuye Movement likulo kwiinyanga ezine kulapho iEFF bekumele ukuba ikuyo kunyaka wesibhozo okanye owesithoba," utshilo.
Ngo2022, xa iEFF yayineminyaka elithoba ubudala, yanika ingxelo yamalungu ahlawulwayo angaphezu kwesigidi. Oku kwakungexesha uShivambu wayesenguSekela Mongameli weqela.
Ixesha likaShivambu kwiMK Party laba lifutshane. Wagxothwa kweyeSilimela 2025, kulandela ukungavisisani kwangaphakathi.