Iindaba

Kubhubhe omnye konzakala abahlanu ngethuba kuhlaselwa ibhasi phakathi kweCofimvaba neNgcobo!

Abongile Ginya|Published

Ibhasi ehlaselwe ngoLwesithathu kwabhubha umkhweli wamnye obesemva komqhubi, konzakala abahlanu.

Image: ECDoT

Ibhasi yakwaMakalala ebilayishe abantu besiya eKapa besuka kwidolophu yaseMthatha, ishiyeke ibokoboko kwabhubha nomntu ongumama omnye ngethuba ihlaselwa ngoLwesithathu kwindlela uR61.

Ngokwengxelo yeSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, ithi le bhasi ihlaselwe emini ilanga lihlab’ umhlaba phakathi kweNgcobo kwakunye neCofimvaba.

Ingxelo ithi abahlanu abantu bonzakele nabaye babalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane kubo, kuquka kubo nomqhubi webhasi.

UMphathiswa uXolile Nqatha usikhalimele kabukhali isenzo sokuhlaselwa kwebhasi, kuquka nokwenzakaliswa kwabantu de kuphume nomphefumlo.

“Asisoze sizamkele izenzo ezikhohlakele kanje zodlame zingathathelwa manyathelo. Bonke abo babandakanyekayo kwesi senzo sibi mabajongane nengalo yomthetho,” utshilo uNqatha.

UMphathiswa uNqatha uhlabe ikhwelo kwabomthetho ekubeni baqiniseke ngophando ebongoza nentsebenziswano kuluntu lwala mmandla ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa.

UNqatha uthi okubuhlungu kukuba esi senzo senzeka kanye ngexesha likaxakeka lemigamo emide apho iza kuba kwizinga eliphezulu ukuhamba kweebhasi.

UMphathiswa uvale ngelithi nabani na unelungelo lokusebenzisa uhlobo lwemoto afuna ukuyisebenzisa oko makuhlonitshwe kwaye bakhuseleke.

“Udlame nokuphazamiswa kwabantu akuna ndawo kwiindlela zethu nakuluntu lwethu,” utshilo uNqatha.

ISebe likwadlulise amazwi ovelwano kusapho lwenkosikazi ebhubhe ngethuba kuhlaselwa le bhasi, likwanqwenelela okuhle kwabo basesibhedlele bafumana unyango.