ULinamandla Buhle Xhosana okhangelwayo waseLuhewini eNgcobo.
Image: Uthunyelwe
Kuphela inyanga engaziwa apho akhoyo uLinamandla Buhle Xhosana (17) waseLuhewini, eNgcobo, emva kokuba wathi wanyamalala ukusukela ngomhla we11 kwinyanga ephelileyo de kube namhlanje.
Usapho lale ntwazana luthi ngokuye kusisa kungekho mkhondo kuye kuphela amandla.
Oncokole neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, nolilungu losapho, uSihle Xhosana, uthi le bajongene nayo imeko ibihlungu nanjengoko esithi abusehli ubuthongo ngenxa yokungazi nokuba usaphila kwaye kwenzekani kuye uBuhle.
"Sisemuncu, kuvele kwathi cwaka akukho nomkhondo sibe singazi nokuba kusaqhutyekekwa na nokhangelo ngamaPolisa kuba akukho ngxelo siyifumanayo intsha. Singena kweyesibini ngoku inyanga singazi nokuba emntaneni kwenzekani. Nangona amathemba emane ukwehla kodwa sihleli emthandazweni," utshilo uXhosana.
ULinamandla Buhle Xhosana okhangelwayo waseLuhewini eNgcobo.
Image: Uthunyelwe
Uqhube wathi abasele bekunqwenela belusapho kukuvela komntwana nokuba imeko ithini yakhe kodwa oko kokuba bayazi. "Iimini nokuba kunini uza kuvela uBuhle kuba ngumphefumlo womntu."
Le ntwazana inyamaleleyo yenza uGrade 10 eNgcobo Village. Abahlali baseLuhewini kwakunye noViepol K9 bawenzile amatiletile bekhangela uLinamandla kodwa ngaphandle kwempumelelo.
Ngokwengxelo yamaPolisa, uLinamandla ngosuku agqityelwa ngalo wayenxibe ilokhwe emnyama, ethwele iqhiya emnyama wanxiba neeCrocs ezimnyama ezinyaweni
Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo kuba kuthe cwaka ngomkhondo malunga nokunyamalala kukaLinamandla, abahlali baseNgcobo bangungelana ngazwilinye ukuya kwisikhululo samaPolisa nababuya nelize kusithiwa baphazamisa uphando.
UCaptain Yolisa Mgolodela ubongoza kuluntu intsebenziswano, onokuba nolwazi atsalele uCommander Lieutenant Colonel Thembelani Mfundisi ku082 441 8433.