UFikile Mbalula utyhola uDonald Trump ngokohlwaya uMzantsi Afrika ngenxa yezityholo ezingeyonyani zokuba abantu abamhlophe bayabulawa kweli.
Image: X/ANC
UNobhala Jikelele weAfrican National Congress (ANC) uFikile Mbalula utyhola uMongameli waseMelika uDonald Trump ngokuzama ukohlwaya uMzantsi Afrika ngento ayichaze njengobuxoki bokuba amafama amhlophe “ayaxhelwa” kweli lizwe.
Ethetha kwindibano noonondaba ngoLwesibini kwikomkhulu leANC eGoli, uMbalula uthe isigqibo seWashington sokungathabathi nxaxheba kwingqungquthela yeG20 ezayo eGoli ngomhla wama22 ukuya kowe23 kule nyanga yeNkanga siphenjelelwe yipolitiki.
"Isigqibo sikarhulumente waseMelika kaDonald Trump sokungathabathi nxaxheba kwiG20 kukuthumela umyalezo wokufuna ukohlwaya ilizwe lethu, kodwa ngelishwa, izizathu abakhethe ukusohlwaya ngazo ngokwezoqoqosho azichanekanga - zibubuxoki kwaye zenziwe," utshilo.
UMbalula wongeze ngelithi uMzantsi Afrika awulolizwe lobukomanisi, ekhaba inkcazo kaTrump ngeli lizwe kwiintetho zakutshanje.
Amazwi kaMbalula alandela isibhengezo sikaTrump sokuba akukho magosa karhulumente waseMelika aza kuzimasa ingqungquthela yeG20, etyhola uMzantsi Afrika “ngokuxhaphaza amalungelo oluntu” kwaye esithi amafama amhlophe “ayabulawa kwaye ayaxhelwa” kwaye umhlaba wabo “wohluthwa ngokungekho mthethweni.”
Kwinto ayibhalileyo kwikhasi lakhe likaTruth Social, uTrump uthe, "Lihlazo elipheleleyo ukuba iG20 iza kubanjelwa eMzantsi Afrika, amaBhulu, abantu abayinzala yamaDatshi, kwanabaseFrentshi namaJamani, bayabulawa, bayaxhelwa, bahluthelwa imihlaba neefama zabo ngokungekho mthethweni.
"Akukho gosa likarhulumente waseMelika liza kuya kusanyhashwa amalungelo abantu. Ndijonge phambili ekusindlekeni i2026 G20 eMiami, eFlorida."
Iintetha zikaTrump zitsale umdla wamazwe ngamazwe kwaye zifike phakathi kweenyanga zokungaboni ngasonye phakathi kweWashington nePitoli malunga nenkqubo yorhulumente waseMelika ebizwa ngokuba “yinkqubo yokuhlaliswa ngokutsha kwamaBhulu” (Afrikaner resettlement programme) - umgaqonkqubo urhulumente woMzantsi Afrika awuchithileyo njengongenasiseko kwaye nosebenza ngolwazi olungeyonyani.