Iindaba

Obengaphandle ngengqawule ugwetyelwe ukubulala obencumisana naye

Abongile Ginya|Published

Indoda ekhutshwe ngengqawule igwetywe ubomi entolongweni ngokubulala isithandwa sayo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Uza kuphindela ngaphakathi ejele eyokuchitha ubomi bakhe uLuyanda Mbolekwa (34) ofunyenwe yiNkundla yeNgingqi yamaTyala yaseSterkspruit enetyala lokubulala ngokungenalusini uNokwazi Mpompo Ntloko (31) obethandana naye.

Ixhoba lagqityelwa ukubonwa yintombi yalo lihamba noMbolekwa bephuma kwindawo yentselo ekufutshane ngomhla wama24 kweyeThupha wonyaka ophelileyo. 

Ingxelo iqhuba ithi ngengakusa kwafunyanwa umzimba kaNtloko utixelwe ngaphakathi egumbini lokulala. Umzimba wafunyanwa uze kwaye uphantsi ugqunyelelwe ngeempahla zakhe wabe unamanxeba okuhlatywa, edunjelwe yintamo, umzimba egcwele ligazi.

Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi xa amaPolisa efika kuloMbolekwa waye wabaleka wayokuzimela ehlathini. Ngethuba kuphandwa ubunyani bavela xa uMbolekwa echaza kumama wakhe ukuba umbulele uNtloko.

UTyali uthi uMbolekwa wabanjwa ngabahlali emva kweentsuku ezintathu, wabhaqwa eneefowuni ezimbini, eyakhe neyexhoba, kwafunyanwa nemela ebeyisebenzisa zabe neempahla zakhe zinamachaphaza egazi.

Emva kokuba ebanjiwe wavalelwa uMbolekwa, uphando lwafumanisa ukuba ebekhutshwe ngengqawule ejele kweyoMsintsi ka2023 nowayegwetyelwe ityala lokudlwengula. Lo ebese phantsi kwemiqathango yejele nanjengoko ibiza kuphelelwa kwiminyaka emibini ezayo ngo2027.

OyiNtloko kwezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthi esi sigwebo sobomi sinikwe okaMbolekwa sakudlulisa umyalezo onamandla owokuba ukubulawa ngokungenalusini kwamanina akusoze kuhlekelwe kwaye kwamkeleke ekuhlaleni.