Amapolisa aseGqeberha akhangela abarhanelwa abadubule babulala inkosikazi namadoda amathathu.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
AmaPolisa aseWalmer abongoza intsebenziswano kuluntu ukuze kubanjwe abarhanelwa abadubule babulala abantu abane ngobusuku bangoMgqibelo kumatyotyombe aseAirport Valley, eWalmer, eGqeberha.
Ngokwengxelo kaCaptain Andre Beetge ithi, amaPolisa afumene ingxelo yokuba kwenzeka udubulo kwityotyombe elithile nafike kudunduluze imizimba emine enamanxeba okudutyulwa.
Le mizimba mine ngowasetyhini omnye kwakunye namadoda amathathu. Ngokweminyaka amaxhoba la aphakathi kwama25 ukuya kuma30 eminyaka ubudala.
Ityala livuliwe kwaye amaPolisa aseWalmer aqalile nophando.
Lowo unolwazi malunga nesi sehlo, uyabongozwa ukuba atsalele uDetective Lieutenant Colonel Sithole kule nombolo 082 457 2812 okanye iCrime Stop ku08600 10111.