Iindaba

Umbuso uthi uDuduzile Zuma-Sambudla wayephembelela udushe ngo2021

Willem Phungula|Published

Ityala likaDuduzile Zuma-Sambudla, otyholwa ngokuphembelela udushe ngo2021 eMzantsi Afrika, liqale ngoMvulo eThekwini.

Image: Doctor Ngcobo/Independent Newspapers

Umbuso ngoMvulo, ngethuba kuxoxwa ityala lelungu leMKP ePalamente, uDuduzile Zuma-Sambudla, utyhole ukuba udushe lwenyanga yeKhala ka2021 lwalulungelelaniswe kakuhle kwaye luphenjelelwa kuzwelonke.

Eli tyala belizinyaswe nguyise kaZuma-Sambudla, uJacob Zuma, kunye nabalandeli abaninzi bombutho.

UZuma-Sambudla ujongene namatyala amathathu avela kumakhasi akhe onxibelelwano ngexesha lodushe. Ityala lokuqala lelokuphembelela ukwenza izenzo zobunqolobi, umbuso utyhola ngelithi phakathi komhla wama29 kweyeSilimela ukuya kweyeKhala ngonyaka ka2021, kwiindawo ezohlukeneyo zelizwe, uZuma-Sambudla ngokungekho mthethweni nangabom waphembelela abanye ukuba benze ubunqolobi ngokubandakanyeka kwizenzo zobunqolobi.

Kwityala lesibini, nelimayelana nokuphembelela ukwenza ubundlobongela, umbuso utyhola uZuma-Sambudla ngelithi wayexhokonxa, ephembelela, eyalela abantu ukuba badibane ngokungekho mthethweni ngenjongo enye yokuphazamisana inzolo yoluntu.

Kwityala lesithathu, umbuso ukwamtyhola ngokwaphula iCandelo 17 lomthetho iRiotous Assemblies Act, 17 of 1956 ojongene nokudityaniswa kwabantu ngokungekho mthethweni ngeenjongo zokubangela udushe.

Umbuso ubize ingqina lawo lokuqala elinguMajor General Gopal Gounden ophuma kwiiHawks.

Wayengumququzeleli weqela elaliphanda lo dushe. UGounden uxelele inkundla ukuba kukho amaqela kaWhatsApp ayi164 enziwe ngokukodwa ukuphembelela udushe njengempendulo ethe ngqo ekuvalelweni kukaZuma.

Nangona kunjalo, uthe emva kophando, amapolisa agxila kumaqela asibhozo kaWhatsApp athe aqhuba kwaye alungelelanisa udushe. Ukwathe kula maqela kukho imiyalelo ethe ngqo ebantwini ababeqhanqalaza ngento emayenziwe kwaye nini. Ukwadize ukuba awona maqela awayesebenza ngala aseThekwini, awayenabantu abangama316.

"Bekukho amaqela amabini kaWhatsApp eThekwini, elinye belikwindawo yeINK eNanda, Ntuzuma naKwaMashu. Sibhaqe abantu abayi103 kula maqela. Udushe lwalulungelelaniswe kakuhle. Amanye ala maqela adalwe ngomhla wama29 kweyeSilimela ngo2021 nolusuku apho iNkundla yoMgaqo-siseko yayalela ukuba kubanjwe uZuma," utshilo uGounden.

Umbuso uthe uZuma-Sambudla, ngenxa yokuba eyintombi kaZuma, nokuba unabalandeli abaninzi kwikhasi lakhe likaX (124 000 followers), wasebenza njengomntu ophembelela kumakhasi onxibelelwano ngoko oko wayekubhale kwikhasi lakhe kwathathelwa ingqalelo ngabantu. Umbuso ubonise ukuba izinto awazibhala kwikhasi lakhe likaX ngaphambi nasemva kokubanjwa kukaZuma kweyeKhala ka2021 zaziphembelela udushe.

UZuma-Sambudla uwaphikile onke amatyala. Ityala liyaqhubeka.