IMK Party ijongene neengxaki njengoko uJacob Zuma noJohn Hlophe bengaboni ngasonye.
Image: Facebook/MKP
Inkokeli yeMK Party uJacob Zuma ngundabamlonyeni kulandela ukungaboni ngasonye noSekela wakhe uGqirha John Hlophe.
Ngorhatya lwangoLwesithathu, iMKP inqumamise uHlophe ngokususa umbhexeshi oyintloko walo mbutho ePalamente uColleen Makhubele. UHlophe, ngokokutsho kweMKP, wamsusa uMakhubele ngaphandle kokubonisana nombutho okanye uZuma wafaka uDes van Rooyen endaweni yakhe. UZuma, owayengaphandle kwelizwe xa uMakhubele esuswa, wafika wasijika isigqibo sikaHlophe waza wamnqumamisa.
NgoLwesithathu kubikwe ukuba uMakhubele ususiwe emva kokuba kutyholwa ngelithi uzame ukufumana ikhontrakthi yomboneleli wenkonzo yeMK exabisa ngaphezulu kweR180 000 ngenyanga eyifunela inkampani apho umyeni wakhe angumlawuli.
Kwaye kukwathiwa akazange aphumelele inkqubo yasePalamente yokuhlolwa yeKomiti yemicimbi yezobuntlola.
Nangona kunjalo, uHlophe kuvakala ukuba uye wakugatya oko kunqunyanyiswa kwaye wathi uZuma makamgxothe endaweni yokumnqumamisa.
Ngokwengxelo kwikhasi likaX, uHlophe kuthiwa ubhalele intloko yeofisi kamongameli walo mbutho uMagasela Mzobe ecela uZuma ukuba aphelise ubulungu bakhe kunokuba anqunyanyiswe. Ukanti ukwathe wazisa amalungu ombutho ukuba akazukuzimasa indibano yocweyo ebiza kuqhubeka ngoLwesithathu.
Ethetha ngokungaboni ngasonye, umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Ntsikelelo Breakfast uthe "ukulawula kukaZuma lo mbutho ngendlela kazwilakhe kuya kuba nefuthe elibi kulo kunyulo loorhulumente basemakhaya kunyaka ozayo" njengoko etyhola uZuma "ngokonakalisa umbutho awawusekayo ngokuwulawula 'njengesikroxo' sakhe."
Uthe uZuma akanantando yesininzi kwaye oku kudale ukungazinzi okuza kumkhathaza kunye nombutho kunyulo loorhulumente basemakhaya kunyaka ozayo.
"Oku kungazinzi embuthweni kukuzibulala kwaye ekuphela kwendlela yokusindisa umbutho kukuba uye kwinkomfa yonyulo, kungenjalo, usenokungaluboni unyulo lonyaka ozayo. Abantu abazukuvotela umbutho ongazinzanga, njengalo. Umgaqosiseko wombutho mawukhokele ngokucacileyo amalungu ngendlela yokusebenza, ngoku kubonakala ngathi uZuma wenza unothanda," utshilo uBreakfast.
Isithethi seMKP uNhlamulo Ndhlela akakhange ayiphendule imibuzo malunga nefuthe lokungavisisani phakathi kwezi nkokeli zimbini eziphezulu zombutho.
Nangona kunjalo, kwingxelo ekhutshwe ngobusuku bangoLwesithathu, lo mbutho uthi uHlophe akazange abonisane namntu phambi kokuba athathe isigqibo sokususa uMakhubele. Ngoko ke, uZuma uthathe isigqibo sokumnqumamisa kuzo zombini iindima zakhe zobunkokeli – njengenkokeli yombutho wamalungu ePalamente nanjengoSekela Mongameli wombutho – ngoku kuza kuqhuba uphando.
Kukho iintetha ezithi indima kaHlophe kulo mbutho iye yancipha emva kokuba uZuma etyumbe owayesakuba lilungu leNEC yeANC uTony Yengeni njengoSekela Mongameli wesibini.
Ngethuba uZuma ebhengeza uYengeni kwindibano noonondaba kutshanje eThekwini, uHlophe ebekule ndibano noonondaba kodwa akazange athethe kule ndibano. Kuloo ndibano uZuma wabhengeza ukuba uHlophe uza kugxila kumsebenzi wePalamente ngelixa uYengeni eza kumncedisa (uZuma) ekuqhubeni lo mbutho ngaphandle kwePalamente.
Ubudlelwane bukaHlophe noZuma bususela ngo2008 xa uHlophe wayetyholwa ngokuphembelela iijaji zeNkundla yoMgaqosiseko ukuba zikhusele uZuma ekutshutshisweni kwityala lokuthengisa kwezixhoba ezixabisa iR30-billion – eli tyala lobuqhophololo nobuqhetseba ngakuZuma lisaqhuba.
UHlophe wagxothwa ngo2024 yiNdlu yoWiso-mthetho ngenxa yokungaziphathi kakuhle kwaye emva koko wazibandakanya neMKP.